Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Song of Solomon

1:1 Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.

1:2 Makandange ngokwanga komlomo wakhe; Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.

1:3 Amafutha akho anevumba elimnandi; Liyioli ethululwayo igama lakho; Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.

1:4 Nditsale, sogidima emva kwakho; Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe, Sogcoba, sivuye ngawe. Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini; Zikuthanda zinyanisile.

1:5 Ndimnyama, ndinomkhitha noko, Zintombi zaseYerusalem, Njengeentente zakwaKedare, Njengamalengalenga kaSolomon.

1:6 Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama, Ngakuba nditshe lilanga. Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo, Bandenza umlindi wezidiliya; Ke esisesam isidiliya andisilindanga.

1:7 Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam, Walusela phi na? Uyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu? Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo Ngasemihlambini yamakholwane akho?

1:8 Ukuba akwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi, Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi, Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.

1:9 Ndikufanekise, wethu, Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!

1:10 Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca, Umqala wakho zizidanga.

1:11 Sokwenzela iingcaca zegolide Ezinamaqhula esilivere.

1:12 Xa ukumkani asesetafileni yakhe, Inadusi yam isuka ilikhuphe ivumba layo.

1:13 Sisiqhuma semore intanda yam kum, Esihleli phakathi kwamabele am.

1:14 Sisihloko sekofere intanda yam kum Ezidiliyeni zase-Engedi.

1:15 Yabona, uyinzwakazi, wethu! Yabona, uyinzwakazi! Amehlo akho anjengawamavukuthu.

1:16 Yabona, uyinzwakazi, ntanda yam; ewe, umnandi; Umandlalo wethu uluhlaza.

1:17 Imiqadi yendlu yethu yimisedare, Iipanele zethu yimisipres.

2:1 Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni.

2:2 Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi.

2:3 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

2:4 Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando.

2:5 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.

2:6 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola.

2:7 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.

2:8 Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.

2:9 Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba.

2:10 Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;

2:11 Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;

2:12 Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;

2:13 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze.

2:14 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.

2:15 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile.

2:16 Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni.

2:17 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala.

3:1 Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam; Ndamfuna andamfumana.

3:2 Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi, Ezindaweni zembutho nasezitratweni; Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndamfuna andamfumana.

3:3 Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana; Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?

3:4 Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo, Ndamlumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam; Ndambamba, andamyeka, Ndada ndamzisa endlwini kama, Engontsini yowandikhawulayo.

3:5 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.

3:6 Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi, Eqhunyiselwa ngemore nentlaka emhlophe, Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi?

3:7 Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon, Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathu Kumagorha akwaSirayeli.

3:8 Onke aphethe amakrele, afundiswe ukulwa, Lilelo linekrele ethangeni lalo Ngenxa yokoyika ebusuku.

3:9 Ukumkani uSolomon uzenzele ithala Ngemithi yaseLebhanon.

3:10 Iintsika zalo uzenze ngesilivere, Isayamo salo ngegolide, umqamelo walo ngento emfusa, Umphakathi walo ubekelelwe ngothando, Luvela ezintombini zaseYerusalem.

3:11 Phumani, zintombi zaseZiyon, nimkhangele ukumkani uSolomon, Enesithsaba, awasinxitywa ngunina ngemini yokuzeka kwakhe, Nangemini yokuvuya kwentliziyo yakhe.

4:1 Yabona, uyinzwakazi, wethu; yabona, uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamavukuthu ngaphaya kwesigqubuthelo sakho; Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Osemathambekeni eentaba zaseGiliyadi.

4:2 Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezichetyiweyo, Ezinyukayo zivela ekuhlanjweni, Zinamawele zonke, Kungekho ifelweyo kuzo.

4:3 Unjengosinga olubomvu umlomo wakho; Ukuthetha kwakho kumnandi. Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

4:4 Intamo yakho injengenqaba kaDavide, eyakhiwe ngokweendidi, Ekuxhonywe kuyo iwaka leengweletshetshe, Onke amakhaka amagorha.

4:5 Amabele akho omabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadi, Esidla phakathi kweenyibiba.

4:6 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Ndiya kuhamba ndiye entabeni yemore, Nasendulini yentlaka emhlophe.

4:7 Uyinzwakazi kwaphela, wethu; Akukho siphako kuwe.

4:8 Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi, Yiza sihle eLebhanon; Ufike ubonisele encotsheni yeAmana, Encotsheni yeSenire neHermon, Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zezingwe.

4:9 Uyingxwelerhile intliziyo yam, dade wethu, mtshakazi; Uyingxwelerhile intliziyo yam ngomjezulo omnye, Ngamrhukane mnye wesambalo sakho.

4:10 Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, Nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!

4:11 Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi; Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho. Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.

4:12 Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi; Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.

4:13 Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu, Ikofere kunye nenadusi;

4:14 Inadusi nesafron, Ikalamo nesinamon, kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe, Imore nehaloti, kunye nobulawu bonke obuyintloko.

4:15 Uliliso lomthombo lasemiyezweni, Iqula lamanzi aphilileyo, Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon.

4:16 Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi: Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo. Mayingene intanda yam emyezweni wayo, Idle isiqhamo esimnandi kakhulu.

5:1 Ndingenile emyezweni wam, dade wethu, mtshakazi wam; Ndiyikhile imore yam kunye netyeleba lam; Ndiyidlile intlango yam kunye nencindi yam; Ndiyisele iwayini yam kunye namasi am. Yidlani bethu, Selani nibe mnandi, zintanda.

5:2 Ndilele, yona intliziyo yam iphaphamile. Yiva, nantso intanda yam inkqonkqoza, isithi, Ndivulele, dade wethu, vukuthu lam, ngqibeleli yam, Ngokuba intloko yam izele ngumbethe, Isihlwitha sam sizele ngamathontsi obusuku.

5:3 Ndathi, Sendikhulule nengubo yam yangaphantsi; ndothini na ukubuya ndinxibe? Sendizihlambile iinyawo zam, ndothini na ukubuya ndizidyobhe?

5:4 Intanda yam yasolula isandla sayo ngekroba; Kwasika esiswini ngenxa yayo.

5:5 Ndavuka ndaya kuyivulela intanda yam, Nezandla zam zavuza imore; Neminwe yam, imore eyivuzelayo Esiphathweni sesitshixo.

5:6 Ndayivulela mna intanda yam; Ke yona intanda yam ibijike yemka. Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha; Ndayifuna, andayifumana; Ndayibiza, ayasabela.

5:7 Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi, Bandibetha, bandilimaza; Abalindi beendonga bandilulutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.

5:8 Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intanda yam, Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando.

5:9 Iyintoni na intanda yakho kunezinye iintanda, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Iyintoni na intanda yakho kunezinye, Ukuba wenjenje ukusifungisa?

5:10 Intanda yam iqaqambile, iyingqombela, Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.

5:11 Intloko yayo iyigolide engcwengiweyo, ecikizekileyo; Isihlwitha sayo siziinduli ngeenduli, simnyama njengehlungulu.

5:12 Amehlo ayo anjengawamavukuthu, engasemifuleni yamanzi, Ezihlamba ngamasi, ehleli njengamatye afakwe kakuhle.

5:13 Izidlele zayo zinjengemityino yetyeleba, njengeziganga zezityalo zokuqhola; Umlomo wayo unjengeenyibiba, uvuza imore ezivuzelayo.

5:14 Izandla zayo ziintonga zegolide, zifakwe amatye aseTarshishe, Isibili sayo siluphondo lwendlovu, lukrwilwe ngesafire.

5:15 Imilenze yayo ziintsika zemarmore emhlophe, zifakwe ezisekweni zegolide engcwengiweyo. Isithomo sayo sinjengeLebhanon, sisihle njengemisedare.

5:16 Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela. Yiyo leyo intanda yam; nguye lowo uwethu, Zintombi zaseYerusalem.

6:1 Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise?

6:2 Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.

6:3 Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni.

6:4 Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile.

6:5 Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi.

6:6 Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo.

6:7 Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

6:8 Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa.

6:9 Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

6:10 Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

6:11 Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na.

6:12 Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene.

6:13 Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

7:1 Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene! Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga, Umsebenzi wezandla zengcibi.

7:2 Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila; Masingasweli iwayini ephithikeziweyo; Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa, Sibiyelwe ngeenyibiba.

7:3 Amabele akho omabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.

7:4 Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu; Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon, Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi; Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon Ebheke eDamasko.

7:5 Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele, Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa; Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.

7:6 Azi umhle, azi umnandi, Luthando, eziyolweni!

7:7 Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu; Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.

7:8 Ndathi, Ndiya kuminya emthini wesundu; Ndiya kubambelela emagqabini awo; Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya, Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;

7:9 Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo, Ihla kamnandi kwintanda yam, Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.

7:10 Mna ndingowentanda yam, Kukum ukungxamela kwayo.

7:11 Hamba, ntanda yam, siphume siye emaphandleni, Silale emizaneni.

7:12 Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni, Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na, Imirharnate ityatyambile na. Ndokunika apho izincokoliso zam.

7:13 Amathuma apha anevumba; Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala, Endiziqwebele wena, ntanda yam.

8:1 Akwaba ubunjengomnakwethu Obesanya amabele kama! Bendingathi, ndikufumene phandle, ndikwange, Bangandideli noko.

8:2 Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama; Ubuya kundifundisa. Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo, Nencindi yomrharnate wam.

8:3 Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam, Esokunene sayo sindiwole.

8:4 Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa, Ningathini na ukuluvusa, ningathini na ukuluvuselela uthando, Lude luthande?

8:5 Ngubani na lo unyuka evela entlango, Esayama intanda yakhe? Ngaphantsi komapile lo ndakuvusa wena. Khona apha waba nenimba ngawe unyoko, Khona apha waba nenimba owakuzalayo.

8:6 Ndibeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho. Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu, Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni: Amalangatye abo ngamalangatye omlilo, Ngamadangatye kaYehova.

8:7 Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.

8:8 Sinomsakwethu omncinane, Akakabi namabele. Siya kuthini na ngomsakwethu, Mini aganelweyo?

8:9 Ukuba uludonga yena, Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere; Ukuba ungumnyango, Somrhaqa ngamaceba omsedare.

8:10 Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba; Ndaza emehlweni ayo ndaba njengo fumene uxolo.

8:11 USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon, Isidiliya wasinikela kubagcini, Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.

8:12 Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam; Iwaka elo lelakho, Solomon; Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.

8:13 Wena uhleliyo emiyezweni, Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho, Ndivise.

8:14 Dloba, ntanda yam, Uxelise ibhadi namankonyana amaxhama Ezintabeni zobulawu.


Next: Isaiah