Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Malachi

1:1 Isihlabo selizwi likaYehova, esisingisele kuSirayeli, ngoMalaki.

1:2 Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Usithande ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi;

1:3 ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.

1:4 Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ababhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.

1:5 Amehlo enu aya kubona, nithi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.

1:6 Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidele ngokuthini na igama lakho?

1:7 Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona.

1:8 Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.

1:9 Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvele esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi.

1:10 Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilize isibingelelo sam! Andininanze nganto, utsho uYehova wemikhosi, andikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.

1:11 Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikelwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.

1:12 Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.

1:13 Nabuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazisa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.

1:14 Uqalekisiwe ke oqhathaniselayo, ukanti kukho emhlambini wakhe iduna; nobhambathisa, abingelele eNkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkhulu, utsho uYehova wemikhosi, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.

2:1 Ngoku ke lo mthetho ubhekiswa kuni, babingeleli.

2:2 Ukuba anithanga niphulaphule, ukuba anithanga nikunyamekele ngentliziyo ukulizukisa igama lam, utsho uYehova wemikhosi ndonithumela isiqalekiso, ndiziqalekise iintsikelelo zenu; ewe, sendiziqalekisile, kuba ningakunyamekeli ngentliziyo,

2:3 Yabonani, ndiyayikhalimela ingalo yenu, nditshize ngomswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu, banithwale banisuse nawo;

2:4 nazi ukuba ndinithumele lo mthetho, ukuba ube ngumnqophiso wam noLevi; utsho uYehova wemikhosi.

2:5 Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam.

2:6 Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni.

2:7 Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.

2:8 Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi.

2:9 Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningazigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.

2:10 Akamnye na ubawo wethu sonke siphela? Asidalwe Thixo mnye na? Yini na ukuba singinizelane, siwuhlambele umnqophiso woobawo bethu?

2:11 Unginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga.

2:12 Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo nalo usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi.

2:13 Oku ke nikwenza okwesibini: ukugubungela isibingelelo sikaYehova ngeenyembezi, ngokulila, nangokuncwina, ade angabi sawubheka umnikelo, angabi samkela nto ikholekayo ezandleni zenu.

2:14 Nithi ke, Ngani na? Ngenxa yokuba uYehova ebelingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo umnginizeleyo wena; kanti ke lidlelane lakho, ngumfazi womnqophiso wakho.

2:15 Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho;

2:16 kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli; ndimthiyile nogubungela ingubo yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.

2:17 Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Nithi ke, Simdinise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?

3:1 Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi.

3:2 Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo.

3:3 Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.

3:4 Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.

3:5 Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.

3:6 Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.

3:7 Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nithi ke, Sibuye ngokuthini na?

3:8 Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sitheni na ukukuqhatha? Kwizishumi nemirhumo.

3:9 Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikele ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphelu.

3:10 Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.

3:11 Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.

3:12 Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.

3:13 Amazwi enu andigixile, utsho uYehova. Nithi ke, Sithethe ntoni na ngawe?

3:14 Nithi, Akunto yanto ukumkhonza uThixo; sizuze ntoni na ngakuba sigcine isigxina sakhe, sahamba ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi?

3:15 Kaloku ke sithi banoyolo abakhukhumeleyo; abaneli kwakheka abenzi bokungendawo; basuka bamcikide uThixo, basinde.

3:16 Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama akhe.

3:17 Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.

3:18 Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.

4:1 Ngokuba, yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.

4:2 Ke kuni, nina baloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma, linophiliso emaphikweni alo. Niya kuphuma nidlobe, njengamankonyana asesitalini, nibaxovule abangendawo;

4:3 ngokuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endikwenzayo oku; utsho uYehova wemikhosi.

4:4 Khumbulani umyalelo kaMoses, umkhonzi wam, endamwiselayo eHorebhe, ngokusingisele kumaSirayeli onke, imimiselo namasiko.

4:5 Yabonani, ndiya kuthumela kuni uEliya umprofeti, ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYehova.

4:6 Wobuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.


Next: Matthew