Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Hosea

1:1 Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda; ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli.

1:2 Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka kuYehova.

1:3 Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.

1:4 UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.

1:5 Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli.

1:6 Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingabaxoleli nokubaxolela.

1:7 Ndiya kuyenzela imfesane ke indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, ngamahashe, nangabamahashe.

1:8 Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana.

1:9 Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba aningabantu bam, nam andiyi kuba ngowenu.

1:10 Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.

1:11 Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.

2:1 Yithini kubazalwana benu, Wenani, bantu bam! nithi koodade benu, Wa, Menzelwa-mfesane! Bambanani nonyoko, bambanani naye; kuba akamfazi wam, andindoda yakhe.

2:2 Nize nitsho asuse ubuhenyu bakhe ebusweni bakhe, nokukrexeza kwakhe phakathi kwamabele akhe;

2:3 hleze ndimhlube abe ze, ndimmise enjengamini wazalwa, ndimenze abe njengentlango, ndimmise abe njengelizwe elingumqwebedu, ndimbulale ngenxano;

2:4 ndingasikwa mfesane ngenxa yabantwana bakhe; kuba bengabantwana bobuhenyu bona.

2:5 Kuba unina uhenyuzile, wenze okuziintloni umzali wabo; ngokuba wathi, Ndiya kulandela izithandane zam, ezindinika isonka sam, namanzi am, uboya bam begusha neflakisi yam, ioli yam nento endiyiselayo.

2:6 Ngako oko, yabona, ndiya kuyibiyela indlela yakho ngameva, ndakhe udonga, angawufumani umendo wakhe.

2:7 Uya kuzisukela izithandane zakhe, angafiki kuzo; azifune, angazifumani: athi Ndiya kuya ndibuyele endodeni yam yokuqala, kuba bekulungile kum oko kunangoku.

2:8 Akazi ukuba ndim owamnikayo ingqolowa, newayini entsha, neoli; ndamandisela isilivere negolide, abasuka bayenzela uBhahali.

2:9 Ngako oko ndiya kubuya, ndiyithabathe ingqolowa yam ngexesha layo, newayini yam entsha ngexesha layo elimisiweyo; ndibuhluthe uboya beegusha, neflakisi yam yokugubungela ubuze bakhe.

2:10 Ngoku ke ndowatyhila amanye akhe emehlweni ezithandane zakhe, kungabikho bani umhlangulayo esandleni sam.

2:11 Ndoluphelisa lonke uvuyo lwakhe, umthendeleko wakhe, nokuthwasa kwenyanga kuye, neesabatha zakhe, namaxesha akhe onke amisiweyo.

2:12 Ndiya kuyibharhisa imidiliya yakhe, nemikhiwane yakhe, abesithi yena, Lutshedo lwam olu, endalunikwayo zizithandane zam; ndoyenza ibe lihlathi, idliwe ziinyamakazi zasendle.

2:13 Ndomvelela ngenxa yemihla yooBhahali, abeqhumisela ngayo kubo; abezihombisa ngamagabha akhe empumlo, nesambalo sakhe; abelandela izithandane zakhe, andilibale mna; utsho uYehova.

2:14 Ngako oko, yabona, ndiya kumrhwebesha, ndimse entlango, ndithethe kakuhle naye.

2:15 Ndomnika izidiliya zakhe, zithabathele khona, nentili yeAkore ibe lisango lethemba, aphendule khona njengeemini zobuncinane bakhe, nanjengemini yokunyuka kwakhe, ephuma ezweni laseYiputa.

2:16 Kuya kuthi ngaloo mini, utsho uYehova, undibize ngokuthi, Ndoda yam; ungabi sandibiza ngokuthi, Bhahali wam.

2:17 Ngokuba ndiya kuwasusa amagama ooBhahali emlonyeni wakhe, bangabi sakhunjulwa ngamagama abo.

2:18 Ngaloo mini ndobenzela umnqophiso namarhamncwa asendle, neentaka zezulu, nezinambuzane zomhlaba; ndaphule isaphetha nekrele nemfazwe, ezo zinto zingabikho ezweni; ndibahlalise bekholosile.

2:19 Ndokugana ube ngowam ngonaphakade, ndikugane ube ngowam ngobulungisa nangokusesikweni, nangenceba nangemfesane;

2:20 ndikugane ube ngowam ngokuthembeka, umazi uYehova.

2:21 Kuya kuthi ngaloo mini, ndiphendule, utsho uYehova; ndiya kuliphendula izulu, lona liphendule ihlabathi;

2:22 ihlabathi liphendule ingqolowa, newayini entsha, neoli; ezo zinto ziphendule uYizereli.

2:23 Ndozihlwayelela yena elizweni, ndimenzele imfesane uAkenzelwanga-mfesane; ndithi kuAsibantubam, Ungabantu bam; aze athi kum, UnguThixo wam.

3:1 Wathi uYehova kum, Phinda, uye uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza; njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi nje, bethanda izicumba zeerasintyisi.

3:2 Ndamthenga wangowam ngeshumi elinesihlanu lesilivere, nehomere yerhasi, neleteke yerhasi.

3:3 Ndathi kuye, Uze uhlalele mna imihla emininzi, ungahenyuzi, ungabi wandoda yimbi; nam ndenjenjalo kuwe.

3:4 Ngokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani, bengenamthetheli, bengenambingelelo, bengenasimiso samatye, bengenaefodi namilonde-khaya.

3:5 Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.

4:1 Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe.

4:2 Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi.

4:3 Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.

4:4 Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli.

4:5 Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko.

4:6 Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam.

4:7 Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo.

4:8 Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo.

4:9 Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe.

4:10 Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova.

4:11 Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.

4:12 Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.

4:13 Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.

4:14 Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang’awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.

4:15 Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.

4:16 Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane.

4:17 UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.

4:18 Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.

4:19 Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.

5:1 Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uze kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.

5:2 Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.

5:3 Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli akagushiwe kum; ngokuba uhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenze inqambi.

5:4 Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.

5:5 Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka ooSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.

5:6 Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.

5:7 Banginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.

5:8 Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.

5:9 Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.

5:10 Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.

5:11 UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.

5:12 Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.

5:13 Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.

5:14 Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.

5:15 Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:

6:1 Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha.

6:2 Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe.

6:3 Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe.

6:4 Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa.

6:5 Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya.

6:6 Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo.

6:7 Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho.

6:8 IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi.

6:9 Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benze amanyala.

6:10 Endlwini kaSirayeli ndibone into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi.

6:11 Kananjalo wena Yuda, umiselwe uvuno, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabantu bam.

7:1 Ekumphiliseni kwam uSirayeli, kusuke kutyhileke ubugwenxa bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; kuba besebenza ubuxoki, isela lingene, amatutu abhunyule ngaphandle.

7:2 Abatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ngoku zibangqongile iintlondi zabo, zabakho phambi kobuso bam.

7:3 Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngokuxoka kwabo.

7:4 Bonke bephela bangabakrexezi; banjengeziko lezonka elibaselwe ngumoji-zonka, okha ayeke ukukhwezela, lo gama axovula intlama, ide ifukuke.

7:5 Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; uthabathene nabagxeki.

7:6 Ngokuba bayisondeze intliziyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.

7:7 Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.

7:8 UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.

7:9 Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.

7:10 Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko ababuyeli kuYehova uThixo wabo, abamfuni kuko konke oku.

7:11 UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya.

7:12 Ndothi, bakubon’ ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.

7:13 Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam.

7:14 Abakhalanga kum ngeentliziyo zabo, basuka bamana bebhomboloza ezililini zabo; baqukana ngenxa yengqolowa newayini entsha, baphambuka, bandichasa.

7:15 Mna ndiziqeqeshile, ndazomeleza, iingalo zabo; ke bona bacinga ububi ngam.

7:16 Bayabuya, kodwa ababuyeli phezulu; banjengesaphetha esityeketyeke. Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobhavumo lolwimi lwabo. Oko kukugculelwa kwabo ezweni laseYiputa.

8:1 Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam.

8:2 Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli.

8:3 Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele.

8:4 Bamise ookumkani, bengaveli kum; benze abathetheli, ndingazi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenze izithixo, ukuze inqanyulwe.

8:5 Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa?

8:6 Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, aliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari.

8:7 Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini.

8:8 Uginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo.

8:9 Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izitharudane.

8:10 Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli.

8:11 Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona.

8:12 Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento.

8:13 Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke ayakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa.

8:14 Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde.

9:1 Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe: ngokuba uhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthande utshequ ezandeni zonke zengqolowa.

9:2 Isanda nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa.

9:3 Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya.

9:4 Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova.

9:5 Nothini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova?

9:6 Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo.

9:7 Kufike iimini zokuvelela, kufike iimini zempindezelo; uya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nokutshutshisa okuninzi.

9:8 Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe.

9:9 Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; uya kubukhumbula ubugwenxa babo, uya kuzivelela izono zabo.

9:10 Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore, bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo.

9:11 UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula.

9:12 Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!

9:13 Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.

9:14 Banike, Yehova; wobanika ntoni na? Banike isisu esiphumayo, namabele awomileyo.

9:15 Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.

9:16 Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo.

9:17 UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.

10:1 USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo. Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo; okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye.

10:2 Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Uya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.

10:3 Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?

10:4 Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.

10:5 Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.

10:6 Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi; uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.

10:7 Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.

10:8 Iziganga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.

10:9 Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wona; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha.

10:10 Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.

10:11 UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela.

10:12 Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa.

10:13 Nalima okungendawo, navuna ubugqwetha, nadla iziqhamo zobuxoki; kuba wakholosa ngendlela yakho, ngobuninzi bamagorha akho.

10:14 Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana.

10:15 Iya kwenjenjalo kuni iBheteli, ngenxa yobubi bezinto zenu ezimbi; kwangesifingo uya kusingelwa phantsi aphele ukumkani wakwaSirayeli.

11:1 Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.

11:2 Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali, baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.

11:3 Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; abazanga noko, ukuba ndabaphilisa.

11:4 Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.

11:5 Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.

11:6 Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.

11:7 Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, abaziphakamisi mpela.

11:8 Ndingathini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli? Ndingathini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye.

11:9 Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim; ngokuba ndinguThixo, andimntu; ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo.

11:10 Baya kumlandela uYehova; uya kubharhula njengengonyama; kuba yena uya kubharhula, bavele entshonalanga oonyana, begubha.

11:11 Baya kuvela eYiputa, begubha njengeentaka, bavele ezweni laseAsiriya njengamavukuthu, ndibabeke ezindlwini zabo; utsho uYehova.

11:12 UEfrayim undirhawule ngobuxoki, indlu kaSirayeli ngenkohliso; noYuda usengumqhathu kuThixo, koyiNgcwele, onyanisileyo.

12:1 UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga. Imini yonke wandisa amanga nembuqo: banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.

12:2 UYehova ubambene noYuda, umvelela uYakobi ngokweendlela zakhe; uya kumbuyisela ngokweentlondi zakhe.

12:3 Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo.

12:4 Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, watarhuzisa kuso; samfumana eBheteli, apho ke sasithetha nathi.

12:5 UYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe.

12:6 Wena ke, buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.

12:7 Ungumrhwebi ophethe isikali senkohliso, uthanda ukucudisa.

12:8 Wathi uEfrayim, Noko ndisisityebi, ndizifumanele ubutyebi; yonke imigushanxa yam ayindizuzisanga bugwenxa busisono.

12:9 Kanti mna ndinguYehova, uThixo wakho nje, kwasezweni laseYiputa; ndisaya kukubeka ezintenteni, njengokwemihla yomthendeleko.

12:10 Ndithethe kubaprofeti, ndandisa imibono mna, ndenza imizekeliso ngezandla zabaprofeti.

12:11 Ukuba iGiliyadi ilishinitshini, yoba yinto engento kuphela. Babingelela iinkomo eGiligali; izibingelelo zabo nazo zoba njengeemfumba zamatye emiqeleni yesisimi.

12:12 UYakobi wabalekela ezweni lakwa-Aram, uSirayeli wakhonza ngenxa yomfazi, wagcina imihlambi ngenxa yomfazi.

12:13 UYehova wamnyusa uSirayeli eYiputa ngomprofeti ke, wagcinwa ngomprofeti ke.

12:14 UEfrayim uqumbise kakrakra; iNkosi yakhe iya kuwaphosa amagazi akhe phezu kwakhe, isibuyisele kuye isingcikivo sakhe.

13:1 Wathi akuthetha uEfrayim, kwabakho ukothuka; waphakama yena kwaSirayeli, wesuka wazeka ityala ngoBhahali, wafa.

13:2 Ngoku bongeza ukona, bazenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesilivere yabo, bazenzela izithixo njengokuqonda kwabo; ingumsebenzi weengcibi wonke uphela; ababingelelayo baseluntwini, bathi ngayo, bawanga amathole.

13:3 Ngako oko baya kuba njengelifu lomso, nanjengombethe ophela kwakusasa, njengomququ ophetshethwa sisaqhwithi esandeni, nanjengomsi ophuma ngekroba.

13:4 Kanti mna ndinguYehova uThixo wakho, kwasezweni laseYiputa; akuyi kwazi thixo ungendim; akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam.

13:5 Mna ndakwazi entlango, ezweni lasekubaleleni.

13:6 Bathi bakudliswa, bahlutha; bakuhlutha, yaphakama intliziyo yabo; ngenxa yoko bandilibele.

13:7 Ngoko ndaba njengengonyama kubo, ndabalalela njengengwe endleleni.

13:8 Ndothi gaga kubo njengebhere ehluthwe amathole ayo, ndiwukrazule umhlehlo wentliziyo yabo, ndibadle khona njengengonyamakazi; amarhamncwa asendle aya kubadlavula.

13:9 Uzonakalisile, Sirayeli, ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.

13:10 Uphi na ngoku ukumkani wakho, ukuba angakusindisi emizini yakho yonke? Baphi na ngokunje abagwebi bakho abo, wathi, Ndinike ukumkani nabathetheli?

13:11 Ndikunika ookumkani ndinomsindo, ndibathabathe ngokuphuphuma kwawo.

13:12 Bubotshiwe ngengxowa ubugwenxa bukaEfrayim, sibekiwe isono sakhe.

13:13 Inimba yozalayo iyamzela; ungunyana ongenabulumko, kuba engaveli ngexesha elililo emlonyeni wesizalo.

13:14 Ndiya kubakhulula esandleni selabafileyo, ndiya kubahlawulela ndibakhulule ekufeni. Ziphi na iindyikitya zakho, kufa? Iphi na imbubhiso yakho, ngcwaba? Ukuzohlwaya kusithele emehlweni am.

13:15 Nokuba yena uya kuba neziqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, kuya kuza ulophu lwasempumalanga, umoya kaYehova unyuka entlango, litshe ithende lakhe, wome umthombo wakhe; lowo uya kuphanga ubuncwane beempahla zonke ezinqwenelekayo.

13:16 ElakwaSamari liya kuziva linetyala, kuba liphikise uThixo walo. Baya kuwa likrele, iintsana zabo zicunyuzwe, nabamithiyo babo baqangqululwe.

14:1 Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho.

14:2 Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Sixolele bonke ubugwenxa, wamkele izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.

14:3 UAsiriya akayi kusisindisa, asiyi kukhwela emahasheni, asiyi kuba sathi kumsebenzi wezandla zethu, Thixo wethu; kuba kuwe inkedama ifumana imfesane.

14:4 Ndiya kukuphilisa ukubuya kwabo umva, ndiya kubathanda ngesisa; ngokuba umsindo wam ubuyile kuye.

14:5 Ndiya kuba njengombethe kuSirayeli; uya kutyatyamba njengenyibiba, endelisele iingcambu zakhe njengeLebhanon.

14:6 Aya kunaba amasebe akhe, bube njengomnquma ubuhle bakhe, ivumba lakhe libe njengeLebhanon.

14:7 Baya kubuya abahlala emthunzini wakhe, baphile njengengqolowa, batyatyambe njengomdiliya, isikhumbuzo sawo sibe njengewayini yaseLebhanon.

14:8 Efrayim, yintoni na esenam nezithixo? Okwam ndiyamphendula, ndimkhathalela; ndinjengomsipres oluhlaza, siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.

14:9 Ngubani na olumkileyo, aziqonde ezo zinto? Ngubani na onengqondo, azazi? Ngokuba zithe tye iindlela zikaYehova; ahamba ngazo amalungisa; ke bona abakreqi baya kukhubeka kuzo.


Next: Joel