Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Exodus

1:1 Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; beza elowo nendlu yakhe:

1:2 uRubhen, uSimon, uLevi noYuda;

1:3 uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;

1:4 uDan noNafetali, uGadi noAshere.

1:5 Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.

1:6 Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.

1:7 Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.

1:8 Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.

1:9 Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.

1:10 Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.

1:11 Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.

1:12 Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.

1:13 AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;

1:14 abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.

1:15 Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;

1:16 wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.

1:17 Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.

1:18 Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe?

1:19 Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.

1:20 Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.

1:21 Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.

1:22 UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.

2:1 Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.

2:2 Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.

2:3 Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.

2:4 Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.

2:5 Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.

2:6 Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.

2:7 Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?

2:8 Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.

2:9 Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.

2:10 Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses, yathi, Ndamrhola emanzini.

2:11 Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.

2:12 Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.

2:13 Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?

2:14 Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.

2:15 UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.

2:16 Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.

2:17 Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.

2:18 Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?

2:19 Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.

2:20 Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.

2:21 Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.

2:22 Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.

2:23 Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.

2:24 Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.

2:25 UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.

3:1 Ke kaloku uMoses wayesalusa impahla emfutshane kaYitro, uyise womkakhe, umbingeleli wakwaMidiyan, wayiqhubela ele kwentlango, wafika entabeni kaThixo eHorebhe.

3:2 Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingade litshe liphele.

3:3 Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele.

3:4 Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha.

3:5 Wathi, Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.

3:6 Wathi, NdinguThixo kayihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.

3:7 Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.

3:8 Ndihlile ke; ndize kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

3:9 Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.

3:10 Hamba ngoku, ndikuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.

3:11 Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?

3:12 Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.

3:13 Wathi uMoses kuThixo, Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?

3:14 Wathi uThixo kuMoses, Ndinguye eNdinguye. Wathi, Wotsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNdinguye undithumile kuni.

3:15 Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wothi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.

3:16 Yiya uhlanganise amadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, kaIsake kaYakobi, ubonakele kum, wathi, Ndinivelele nina, naloo nto niyenziweyo eYiputa.

3:17 Ndathi, Ndiya kuninyusa niphume ezintsizini zaseYiputa, niye ezweni lamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ezweni elibaleka amasi nobusi.

3:18 Boliphulaphula ilizwi lakho; uze uye ke wena namadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani waseYiputa, nithi kuye, UYehova uThixo wamaHebhere uhlangene nathi; ngoku makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu.

3:19 Ke mna ndiyazi, ukuba ukumkani waseYiputa akayi kunivumela ukuba nihambe, nokuba sekungesandla esithe nkqi.

3:20 Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula.

3:21 Aba bantu ndiya kubababala phambi kwamaYiputa; kuthi, xa nithe nemka, ningemki nize.

3:22 Intokazi iya kucela kwengummelwane wayo, nakwengumphambukeli endlwini yayo, impahla yesilivere, nempahla yegolide, neengubo, nizinxibe oonyana benu neentombi zenu, niwaphange amaYiputa.

4:1 Waphendula uMoses wathi, Uyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe.

4:2 Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho? Wathi, Yintonga.

4:3 Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses.

4:4 Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe);

4:5 ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe.

4:6 Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe. Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu.

4:7 Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho. Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe.

4:8 Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, abaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.

4:9 Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, abaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.

4:10 Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.

4:11 Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini? Ngubani na owenze isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?

4:12 Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.

4:13 Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.

4:14 Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wokubona, avuye entliziyweni yakhe.

4:15 Wothetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.

4:16 Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.

4:17 Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; uya kwenza ngayo imiqondiso leyo.

4:18 Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.

4:19 UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.

4:20 UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.

4:21 Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.

4:22 Wothi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;

4:23 ndithi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walile nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.

4:24 Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala.

4:25 UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwaluswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.

4:26 Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko.

4:27 Wathi uYehova kuAron, Hamba uye kukhawulela uMoses entlango. Waya ke, wamhlangabeza entabeni kaThixo, wamanga.

4:28 UMoses wamxelela uAron onke amazwi kaYehova abemthume wona, nemiqondiso yonke abemwisele umthetho ngayo.

4:29 Wahamba uMoses noAron, bawahlanganisa onke amadoda amakhulu oonyana bakaSirayeli.

4:30 Wawathetha uAron onke amazwi abewathethile uYehova kuMoses, wayenza nemiqondiso phambi kwabantu.

4:31 Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wazibona iintsizi zabo, bathoba baqubuda.

5:1 Emveni koko beza ooMoses noAron, bathi kuFaro, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Bandulule abantu bam, bandenzele umthendeleko entlango.

5:2 Wathi uFaro, Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe, lokuba ndindulule uSirayeli? Andimazi uYehova, kananjalo andiyi kumndulula uSirayeli.

5:3 Bathi ke, UThixo wamaHebhere uhlangene nathi; makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu, hleze asiqwele ngendyikitya yokufa nangekrele.

5:4 Wathi ukumkani waseYiputa kubo, Yini na, nina Moses noAron, ukuba nibakhulule abantu emisebenzini yabo? Yiyani emithwalweni yenu.

5:5 Wathi uFaro, Yabonani, baninzi abantu belizwe ngoku, ke nina niyabaphumza emithwalweni yabo.

5:6 UFaro wabawisela umthetho abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu ngaloo mini, esithi,

5:7 Ize ningabi sabanika abantu umququ wokwenza izitena, njengokwangaphambili; mabaye ngokwabo, bazibuthele umququ;

5:8 nenani ababelenza njengokwangaphambili, bamiseleni lona; ize ningalinciphisi, kuba bayahiliza; kuko le nto bakhalayo, besithi, Masiye kubingelela kuThixo wethu.

5:9 Mawube nzima umsebenzi phezu kwamadoda, asebenze wona, angaphulaphuli amazwi obuxoki.

5:10 Baphuma ke abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu, bathetha ebantwini bathi, Utsho uFaro ukuthi, Andiyi kuninika mququ;

5:11 yiyani nina, nizithabathele umququ apho ningawufumana khona; kuba akuyi kuncitshiswa nto emsebenzini wenu.

5:12 Baphalazeka abantu ezweni lonke laseYiputa, babutha iindiza endaweni yomququ.

5:13 Abaqhubi-kalukhuni babantu babangxamisa, besithi, Yisebenzeni imisebenzi yenu, into yemini ngangemini yayo, ngangokuya naninomququ.

5:14 Babethwa ke abaphathi boonyana bakaSirayeli, ababemiswe phezu kwabo ngabaqhubi-kalukhuni babantu bakaFaro, kusithiwa, Kungathuba lini na, ukuba ningagqibi ukwenza izitena enizimiselweyo izolo nanamhla, njengokwangaphambili?

5:15 Baya abaphathi boonyana bakaSirayeli, bakhala kuFaro, besithi, Yini na ukuba wenjenje kubakhonzi bakho?

5:16 Abakhonzi bakho aba abanikwa mququ; kuthiwa ke kuthi, Yenzani izitena. Yabona, abakhonzi bakho aba bayabethwa, kanti kona abantu bakho abo.

5:17 Wathi, Kuhiliza nina; niyahiliza, kuko le nto nithi, Masiye sibingelele kuYehova.

5:18 Yiyani ke ngoku, nisebenze; aniyi kunikwa mququ; ke lona inani lezitena niya kulirhola.

5:19 Babona abaphathi boonyana bakaSirayeli ukuba basebubini, kusithiwa nje, Aniyi kunciphisa nto eziteneni zenu, kwinto yemini ngangemini yayo.

5:20 Baqubisana noMoses noAron, beza kubo ekuphumeni kwabo kuFaro.

5:21 Bathi kubo, UYehova makanikhangele, agwebe; ekubeni nilinukisile ivumba lethu phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, ukuba kubekwe ikrele lokusibulala esandleni sabo.

5:22 Wabuyela kuYehova uMoses, esithi, Nkosi yam, yini na ukuba ubaphathe kakubi aba bantu? Yini na le nto uthume mna?

5:23 Kususela koko ndangenayo kuFaro, ndithetha egameni lakho, yena ubaphethe kakubi aba bantu; akubahlangulanga nokubahlangula abantu bakho.

6:1 Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.

6:2 Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:

6:3 ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova andazekanga kubo.

6:4 Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo.

6:5 Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam.

6:6 Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;

6:7 ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;

6:8 ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.

6:9 Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.

6:10 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

6:11 Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe.

6:12 UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wothini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?

6:13 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba babakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.

6:14 Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi; yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen.

6:15 Oonyana bakaSimon nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi; yiyo leyo imizalwane yakwaSimon.

6:16 Ngawo la amagama oonyana bakaLevi ngenzala yabo: uGershon, noKehati, noMerari. Iminyaka yobudala bukaLevi yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.

6:17 Oonyana bakaGershon nguLibheni, noShimehi, ngokwemizalwane yabo.

6:18 Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu.

6:19 Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo.

6:20 UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.

6:21 Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri.

6:22 Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri.

6:23 UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

6:24 Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora.

6:25 UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo.

6:26 Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.

6:27 Ngabo abo bathethayo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.

6:28 Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,

6:29 wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.

6:30 Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wothini na uFaro ukundiphulaphula?

7:1 Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenze uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho.

7:2 Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.

7:3 Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.

7:4 Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;

7:5 azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.

7:6 Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.

7:7 UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.

7:8 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,

7:9 Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wothi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.

7:10 Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.

7:11 Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.

7:12 Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.

7:13 Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.

7:14 Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.

7:15 Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.

7:16 Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.

7:17 Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi,

7:18 zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.

7:19 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.

7:20 OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.

7:21 Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa.

7:22 Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.

7:23 Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.

7:24 Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.

7:25 Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.

8:1 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.

8:2 Ke ukuba uthe akwavuma ukubandulula, uyabona, ndoyibetha yonke imida yakho ngamasele;

8:3 umlambo unyakazele amasele, anyuke, angene endlwini yakho, nasesililini sakho, naphezu kwesingqengqelo sakho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, nasezimbizeni zakho, nasemikhumbini yakho yentlama;

8:4 anyuke amasele lawo, eze nakuwe, nakubantu bakho, nakubakhonzi bakho bonke.

8:5 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula isandla sakho eso sinentonga yakho phezu kwemilambo, naphezu kwemijelo, naphezu kwamachibi, unyuse amasele phezu kwelizwe laseYiputa.

8:6 Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa; enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa.

8:7 Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.

8:8 UFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Mthandazeni uYehova, awasuse amasele kum nasebantwini bam; ndobandulula abantu, baye kubingelela kuYehova.

8:9 Wathi uMoses kuFaro, Zizukise ngokundimisela ixesha lokuba ndikuthandazele nini na, wena nabakhonzi bakho, nabantu bakho, anqunyulwe amasele kuwe nakwindlu yakho, asale emlanjeni wodwa.

8:10 Wathi yena, Ngomso. Wathi ke, Makube ngokwelizwi lakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengoYehova uThixo wethu;

8:11 asuke amasele kuwe, nakwizindlu zakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho; asale emlanjeni wodwa.

8:12 Baphuma ke ooMoses noAron kuFaro; wadanduluka uMoses kuYehova ngendawo yamasele abewabeke phezu koFaro.

8:13 Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses. Afa amasele ezindlwini, nasezintendelezweni, nasemasimini.

8:14 Bawahlanganisa aziimfumba ngeemfumba; lanuka ilizwe.

8:15 Uthe ke uFaro akuba nethuba lokuphefumla, wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.

8:16 Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula intonga yakho, ulubethe uthuli lwelizwe lube ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.

8:17 Benjenjalo. Wasolula uAron isandla sakhe eso sinentonga yakhe, walubetha uthuli lwelizwe, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Lonke uthuli lwelizwe lwaba ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.

8:18 Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni.

8:19 Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.

8:20 Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa ngomso, ume phambi koFaro, nanko ephuma esiya emanzini; uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.

8:21 Okanye ukuba uthe akwabandulula abantu bam, yabona, ndithuma izibawu kuwe, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, nasezindlwini zakho, zizale izindlu zamaYiputa zizibawu, nomhlaba akuwo;

8:22 ndilibalule ngaloo mini lona ilizwe laseGoshen, abemi kulo abantu bam, kungabikho zibawu khona, ukuze wazi ukuba ndinguYehova phakathi kwelizwe;

8:23 ndimise inkululo phakathi kwabantu bam nabantu bakho; lo mqondiso uya kubakho ngomso.

8:24 Wenjenjalo uYehova. Kweza izibawu ezininzi endlwini kaFaro, nasezindlwini zabakhonzi bakhe, nasezweni lonke laseYiputa; lonakala ilizwe zizibawu.

8:25 UFaro wabiza uMoses na-Aron, wathi, Yiyani nibingelele kuThixo wenu kweli lizwe.

8:26 Wathi uMoses, Akulungisile ukwenjenjalo; kuba soba sibingelela amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu. Ukuba sithe sabingelela into engamasikizi kumaYiputa phambi kwawo, osixuluba ngamatye.

8:27 Siya kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu entlango, sibingelele kuYehova uThixo wethu, njengoko wothi asiyalele.

8:28 Wathi uFaro, Ndiya kunindulula nina, niye kubingelela kuYehova uThixo wenu entlango, kodwa ize ningahambi niye kude; ndithandazeleni.

8:29 Wathi uMoses, Yabona, ndiya kuphuma kuwe, ndithandaze kuYehova, zimke izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe ngomso, kodwa makangaphindi uFaro akhohlise ngokungabandululi abantu, baye kubingelela kuYehova.

8:30 Wemka uMoses, wathandaza kuYehova.

8:31 Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses, wazisusa izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe; akwasala nasinye.

8:32 UFaro wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, nangesi sihlandlo, akabandulula abantu.

9:1 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.

9:2 Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula,

9:3 waba usababambile, yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene;

9:4 uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa: akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli.

9:5 UYehova umise ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.

9:6 Wayenza ke uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.

9:7 UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.

9:8 Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,

9:9 lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.

9:10 Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.

9:11 Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke.

9:12 UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova kuMoses.

9:13 Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.

9:14 Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke.

9:15 Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini.

9:16 Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.

9:17 Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi.

9:18 Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.

9:19 Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingahlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.

9:20 Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe.

9:21 Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.

9:22 Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.

9:23 UMoses wayolulela intonga yakhe ezulwini; uYehova wathoba indudumo nesichotho, nomlilo wehla weza emhlabeni. UYehova walinisela isichotho ilizwe laseYiputa.

9:24 Kwabakho ke isichotho, nomlilo obophene phakathi kwesichotho, sinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso ezweni lonke lamaYiputa, kususela oko aba luhlanga.

9:25 Isichotho sayibetha yonke into esendle ezweni lonke laseYiputa, kwathabathela emntwini kwesa enkomeni; sayibetha isichotho yonke imifuno yasendle, sayaphula yonke imithi yasendle.

9:26 Kodwa ezweni laseGoshen, apho babekhona oonyana bakaSirayeli, akubangakho sichotho.

9:27 Wathuma uFaro, wabiza uMoses noAron, wathi kubo, Ndonile okwesi sihlandlo. UYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo.

9:28 Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala.

9:29 UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.

9:30 Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.

9:31 Yabhuqwa iflakisi nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.

9:32 Ke yona ingqolowa nespelete ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.

9:33 Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.

9:34 Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wona, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.

9:35 Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.

10:1 Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibonakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe;

10:2 ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.

10:3 Waya uMoses noAron kuFaro, bathi kuye, Utsho uYehova, uThixo wamaHebhere, ukuthi, Kunini na ungavumi ukuzithoba phambi kwam? Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.

10:4 Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho;

10:5 zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle;

10:6 zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro.

10:7 Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala?

10:8 Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke?

10:9 Wathi uMoses, Siya kuhamba nolutsha neengwevu zakowethu, sihambe noonyana bethu neentombi zethu, nempahla yethu emfutshane neenkomo zethu; kuba kuthi ngumthendeleko kaYehova.

10:10 Wathi kubo, Makube njalo kambe; uYehova makabe nani, njengokuba ndinindulula nina nentsapho yenu. Khangelani, kukho ububi phambi kwenu.

10:11 Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro.

10:12 Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho.

10:13 Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi.

10:14 Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo.

10:15 Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; akwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa.

10:16 Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni.

10:17 Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa.

10:18 Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova.

10:19 UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu; akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.

10:20 Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.

10:21 Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.

10:22 Wasolulela uMoses isandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.

10:23 Ababonana; akwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.

10:24 UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.

10:25 Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;

10:26 nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.

10:27 UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula.

10:28 Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.

10:29 Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.

11:1 UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha.

11:2 Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide.

11:3 UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.

11:4 Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,

11:5 afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;

11:6 kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.

11:7 Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;

11:8 behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo.

11:9 UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa.

11:10 UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.

12:1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron ezweni laseYiputa, wathi,

12:2 Le nyanga kuni iyintloko yeenyanga; kuni yeyokuqala ezinyangeni zomnyaka.

12:3 Thethani kwibandla lonke lakwaSirayeli, nithi, Ngolweshumi usuku kule nyanga elowo makazithabathele ixhwane, ngokwenzindlu zooyise, ixhwane ngendlu.

12:4 Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni.

12:5 Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni.

12:6 Nize niligcine kude kube lusuku lweshumi elinesine lwale nyanga, silixhele ke sonke isikhungu sebandla lakwaSirayeli lakutshona ilanga;

12:7 bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo;

12:8 bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra.

12:9 Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwe ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo.

12:10 Nize ningasalisi ndawo yalo kude kuse; okuseleyo kulo kwada kwasa nokutshisa ngomlilo.

12:11 Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika kuYehova.

12:12 Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova.

12:13 Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa.

12:14 Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade.

12:15 Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli.

12:16 Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo.

12:17 Nize nigcine umthendeleko wezonka ezingenagwele; kuba kanye ngayo loo mini ndayikhupha imikhosi yenu ezweni laseYiputa; niwugcine loo mhla kwizizukulwana zenu, ube ngummiselo ongunaphakade.

12:18 Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kuse kusuku lwamashumi omabini analunye lwenyanga leyo, ngokuhlwa.

12:19 Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo.

12:20 Yonke into enegwele nize ningayidli; emakhayeni enu onke nodla izonka ezingenagwele.

12:21 Wawabiza uMoses onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi kuwo, Hambani niye, nizithabathele ixhwane ngokwemizalwane yenu, nixhele ipasika.

12:22 Nithabathe isipha sehisope, nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kuse.

12:23 UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale.

12:24 Woligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni.

12:25 Nothi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.

12:26 Kothi, xa bathe oonyana benu kuni, Iyintoni na le nkonzo kuni?

12:27 nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.

12:28 Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.

12:29 Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, kwathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo omthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo.

12:30 Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo.

12:31 Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu;

12:32 nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambe; nam nindisikelele.

12:33 AmaYiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobungxamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke sesifile.

12:34 Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo.

12:35 Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo.

12:36 UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, abenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa.

12:37 Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engathi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.

12:38 Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.

12:39 Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.

12:40 Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mane aneminyaka emanci mathathu.

12:41 Ekupheleni kweminyaka emakhulu mane, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.

12:42 Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.

12:43 Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika ngulo: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.

12:44 Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo.

12:45 Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo.

12:46 Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo.

12:47 Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto.

12:48 Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.

12:49 Woba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.

12:50 Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.

12:51 Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.

13:1 UYehova wathetha kuMoses, wathi,

13:2 Ndingcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.

13:3 Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.

13:4 Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.

13:5 Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:

13:6 nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;

13:7 izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungabonwa kuwe nto inegwele, kungabonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.

13:8 Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;

13:9 kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.

13:10 Uze uwugcine lo mmiselo ngexesha lawo elimisiweyo imihla kamihla.

13:11 Kothi, xa akufikisileyo uYehova ezweni lamaKanan, njengoko wafungayo kuwe nakooyihlo, wakunika lona,

13:12 uyidlulisele kuYehova yonke into evula isizalo, into yonke elizibulo lenkomo, oya kuba nayo; amaduna oba ngakaYehova.

13:13 Into yonke elizibulo le-esile woyikhulula ngokuyimisela ngexhwane; ke ukuba uthe akwayikhulula ngokuyimisela, woyaphula ilungu lentamo. Yonke into elizibulo lomntu koonyana bakho, nayo woyikhulula ngokuyimisela.

13:14 Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;

13:15 kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhulule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;

13:16 ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.

13:17 Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.

13:18 UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.

13:19 UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.

13:20 Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.

13:21 UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.

13:22 Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.

14:1 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

14:2 Thetha koonyana bakaSirayeli ukuba bajike, bamise iintente phambi kwePi-hahiroti, phakathi kweMigdoli nolwandle, phambi kweBhahali-tsefon, malunga nayo, nimise ngaselwandle.

14:3 Uya kuthi uFaro ngoonyana bakaSirayeli, Badidekile ezweni, intlango ibavingcele.

14:4 Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Benjenjalo ke.

14:5 Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzele ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni?

14:6 Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye.

14:7 Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela.

14:8 UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo.

14:9 AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon.

14:10 Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.

14:11 Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa?

14:12 Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha.

14:13 Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade.

14:14 UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.

14:15 Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke.

14:16 Ke wena, phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo.

14:17 Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaYiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bakhe;

14:18 azi amaYiputa ukuba ndinguYehova, ekuzukisekeni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe.

14:19 Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo;

14:20 wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke.

14:21 UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi.

14:22 Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.

14:23 Asukela amaYiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.

14:24 Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayidubaduba impi yamaYiputa.

14:25 Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa.

14:26 Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo.

14:27 Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle.

14:28 Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo.

14:29 Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.

14:30 Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle.

14:31 Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika, abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe.

15:1 Waza uMoses wahlabela le ngoma kuYehova, enoonyana bakaSirayeli, batsho ukuthi: Ndiya kuhlabela kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu, Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.

15:2 Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova; Waba lusindiso kum. UloThixo wam endimzukisayo, UThixo kabawo endimphakamisayo.

15:3 UYehova yindoda elwayo, UYehova ligama lakhe.

15:4 Iinqwelo zokulwa zikaFaro nempi yakhe waziphosa elwandle; Abahleliweyo kubaphathi-mikhosi bakhe batshoniswe eLwandle oluBomvu.

15:5 Amanzi enzonzobila abagubungele. Behlela ezinzulwini njengelitye.

15:6 Isandla sakho sokunene, Yehova, sivethe amandla; Isandla sakho sokunene, Yehova, sivikiva utshaba.

15:7 Ngobukhulu bobungangamsha bakho ubagungxule abachasi bakho; Ukhupha ukuvutha kwakho, kubadle bona njengeendiza.

15:8 Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi, Yema njengemfumba imiqukuqela. Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.

15:9 Lwathi utshaba, Ndiyasukela, ndiyafumana, Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo; Ndirhola ikrele lam, siya kubagqogqa isandla sam.

15:10 Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle; Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.

15:11 Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova? Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele, Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?

15:12 Wolula isandla sakho sokunene, Umhlaba uyabaginya.

15:13 Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo. Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.

15:14 Zivile izizwe, ziyangqunga, Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,

15:15 Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom; Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela, Batha amandla bonke abemi belakwaKanan.

15:16 Bawelwa kukudenga nakukunkwantya, Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye, Bade badlule abantu bakho, Yehova, Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.

15:17 Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho, Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova, Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.

15:18 UYehova uya kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.

15:19 Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.

15:20 UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.

15:21 Wawaphendula uMiriyam wathi, Vumani kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu; Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.

15:22 UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.

15:23 Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.

15:24 Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.

15:25 UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.

15:26 Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.

15:27 Bafika e-Elim, apho kwaye kukho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi osixhenxe, bazimisa iintente khona ngasemanzini.

16:1 Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli landuluka e-Elim, lafika entlango yaseSin, ephakathi kwe-Elim, neSinayi, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesibini yokuphuma kwabo ezweni laseYiputa.

16:2 Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho.

16:3 Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.

16:4 Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.

16:5 Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.

16:6 Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa;

16:7 kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?

16:8 Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukrokra kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.

16:9 Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.

16:10 Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nabo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.

16:11 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,

16:12 Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.

16:13 Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.

16:14 Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.

16:15 Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.

16:16 Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.

16:17 Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.

16:18 Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.

16:19 Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.

16:20 Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.

16:21 Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.

16:22 Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.

16:23 Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.

16:24 Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; ayanuka, akwabakho mpethu kuyo.

16:25 Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.

16:26 Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.

16:27 Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.

16:28 Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?

16:29 Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.

16:30 Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.

16:31 Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana. Yayinjengembewu yekoriyandire, imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.

16:32 Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.

16:33 Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;

16:34 igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.

16:35 Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mane, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan

16:36 Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.

17:1 Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.

17:2 Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?

17:3 Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?

17:4 UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.

17:5 Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.

17:6 Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.

17:7 Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?

17:8 UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim.

17:9 Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki;

17:10 bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli.

17:11 Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki.

17:12 Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.

17:13 UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.

17:14 Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.

17:15 UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam.

17:16 Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.

18:1 UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.

18:2 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule,

18:3 noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom, kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga; igama lomnye lalinguEliyezere,

18:4 kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro.

18:5 UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo.

18:6 Wathi kuMoses, Mna Yitro, unguyihlo, ndize kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.

18:7 Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.

18:8 UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanayo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.

18:9 Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.

18:10 Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaDaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.

18:11 Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.

18:12 UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.

18:13 Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.

18:14 Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?

18:15 Wathi uMoses kuyise womkakhe, Kungokuba abantu besiza kum ukuba ndibacelele icebo kuThixo;

18:16 xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazise imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.

18:17 Wathi uyise womkaMoses kuye,

18:18 Ayilungile le nto uyenzayo. Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa.

18:19 Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo;

18:20 ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza.

18:21 Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;

18:22 bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise.

18:23 Ukuba uthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, woba nako ukuma, bathi naba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo.

18:24 UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile.

18:25 UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.

18:26 Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona.

18:27 UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.

19:1 Ngenyanga yesithathu emveni kokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngayo loo mini, bafika entlango yaseSinayi.

19:2 Banduluka eRefidim, bafika entlango yaseSinayi, balalisa entlango; amisa iintente apho amaSirayeli malunga nentaba.

19:3 UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye esentabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi,

19:4 Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum.

19:5 Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam;

19:6 nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli.

19:7 Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo.

19:8 Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.

19:9 Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova.

19:10 Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu;

19:11 kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke;

19:12 ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe.

19:13 Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, banganyuka entabeni bona.

19:14 Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo.

19:15 Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini.

19:16 Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.

19:17 UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba.

19:18 Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.

19:19 Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi.

19:20 Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo; wenyuka ke uMoses.

19:21 Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo.

19:22 Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.

19:23 Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.

19:24 Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron; ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise.

19:25 Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo.

20:1 UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:

20:2 NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

20:3 Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

20:4 Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

20:5 Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;

20:6 ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

20:7 Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.

20:8 Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.

20:9 Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;

20:10 ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:

20:11 kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

20:12 Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

20:13 Uze ungabulali.

20:14 Uze ungakrexezi.

20:15 Uze ungebi.

20:16 Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

20:17 Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

20:18 Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.

20:19 Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.

20:20 Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.

20:21 Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.

20:22 Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini.

20:23 Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.

20:24 Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.

20:25 Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele.

20:26 Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.

21:1 Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo:

21:2 Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga.

21:3 Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo.

21:4 Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa.

21:5 Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:

21:6 inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.

21:7 Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo.

21:8 Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele.

21:9 Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke.

21:10 Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo.

21:11 Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali.

21:12 Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.

21:13 Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.

21:14 Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.

21:15 Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.

21:16 Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.

21:17 Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.

21:18 Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:

21:19 ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.

21:20 Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.

21:21 Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.

21:22 Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.

21:23 Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo,

21:24 iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,

21:25 ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.

21:26 Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.

21:27 Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso.

21:28 Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa.

21:29 Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.

21:30 Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo.

21:31 Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko.

21:32 Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye.

21:33 Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo:

21:34 umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe.

21:35 Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo.

21:36 Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe.

22:1 Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo.

22:2 Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.

22:3 Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.

22:4 Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.

22:5 Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.

22:6 Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.

22:7 Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.

22:8 Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.

22:9 Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.

22:10 Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:

22:11 makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.

22:12 Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.

22:13 Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.

22:14 Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.

22:15 Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo.

22:16 Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.

22:17 Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.

22:18 Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.

22:19 Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.

22:20 Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.

22:21 Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

22:22 Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.

22:23 Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;

22:24 uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.

22:25 Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.

22:26 Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga;

22:27 kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.

22:28 UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.

22:29 Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.

22:30 Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.

22:31 Noba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.

23:1 Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.

23:2 Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.

23:3 Uze ungasicengi isisweli ekubambaneni kwaso nomnye.

23:4 Xa uthe waqubisana nenkomo yotshaba lwakho, nokuba liesile lalo, lilahleka: wolibuyisela kulo.

23:5 Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadalele phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela; likhulule umkhululise.

23:6 Uze ungasijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.

23:7 Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.

23:8 Uze ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.

23:9 Uze ungamxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

23:10 Wowuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;

23:11 ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wenjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.

23:12 Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.

23:13 Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.

23:14 Wondenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.

23:15 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;

23:16 nomthendeleko wexa lokuvuna, wentlahlela yemisebenzi yakho yokuhlwayela entsimini; nomthendeleko wokuhlanganisa, osekupheleni komnyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.

23:17 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi uYehova.

23:18 Uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele igazi lombingelelo wam; nenqatha lomthendeleko wam malingabi ngumbeko.

23:19 Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.

23:20 Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo.

23:21 Silumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.

23:22 Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, wenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho.

23:23 Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.

23:24 Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.

23:25 Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.

23:26 Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.

23:27 Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;

23:28 ndithume oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.

23:29 Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.

23:30 Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.

23:31 Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango, ise kuwo uMlambo; kuba abemi belo lizwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambi kwakho.

23:32 Uze unganqophisani nabo, kwanoothixo babo;

23:33 ize bangemi kwelo zwe lakho, hleze bakwenze undone. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.

24:1 Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;

24:2 kusondele uMoses yedwa kuYehova; bangasondeli bona, nabantu bangenyuki naye.

24:3 Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.

24:4 Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wakha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

24:5 Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.

24:6 UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.

24:7 Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.

24:8 Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nalo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.

24:9 Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.

24:10 Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.

24:11 Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.

24:12 Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikunike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.

24:13 Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.

24:14 Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.

24:15 Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.

24:16 Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.

24:17 Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.

24:18 Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane.

25:1 Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.

25:2 Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.

25:3 Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu;

25:4 nento emsi nemfusa nebomwu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;

25:5 nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;

25:6 nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;

25:7 amatye ebherilo, namatye okufakwe e-efodini, nawobengo;

25:8 bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.

25:9 Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.

25:10 Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

25:11 uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyaleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide;

25:12 woyityhidela amakhonkco egolide abe mane, uwafake emilenzeni yayo yomine, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala;

25:13 wenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide,

25:14 uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo.

25:15 Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingarholwa kuyo.

25:16 Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.

25:17 Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha.

25:18 Uze wenze iikerubhi zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha;

25:19 wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wozenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini.

25:20 Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo.

25:21 Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona.

25:22 Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.

25:23 Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

25:24 uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize.

25:25 Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize.

25:26 Woyenzela amakhonkco egolide abe mane, uwafake amakhonkco omane ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.

25:27 Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile;

25:28 uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.

25:29 Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo;

25:30 ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.

25:31 Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wosikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso;

25:32 amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.

25:33 Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.

25:34 Zoba ne iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso;

25:35 ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso.

25:36 Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.

25:37 Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso.

25:38 Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.

25:39 Nosenza ngetalente yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke.

25:40 Khangela ke, uzenze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.

26:1 Ke umnquba uze uwenze ngeshumi lamalengalenga elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nangemisonto emsi nemfusa nebomvu. Wowenzela iikerubhi umsebenzi wengcibi yokuluka.

26:2 Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye bube ziikubhite ezine; onke amalengalenga alingane.

26:3 Amalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye; namalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye.

26:4 Uze wenze amasango emisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni, ekuhlanganeni; wenjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.

26:5 Wowenza amasango abe mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga; wenze amasango abe mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini, ukuze amasango alungelelane elinye nelinye;

26:6 wenze amagwegwe egolide abe mashumi mahlanu, uwahlanganise amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, ube mnquba mnye.

26:7 Uze wenze amalengalenga ngoboya beebhokhwe abe yintente phezu komnquba, uwenze amalengalenga lawo abe lishumi elinalinye.

26:8 Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mathathu; ububanzi belengalenga lilinye boba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye olingana.

26:9 Wowahlanganisa odwa amalengalenga amahlanu, namalengalenga amathandathu odwa; elesithandathu ilengalenga uliphinde phambi kwentente ngaphambili;

26:10 wenze amasango abe mashumi mahlanu emphethweni welengalenga elo lokugqibela, ekuhlanganeni namasango, abe mashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga elihlanganiswe nelinye.

26:11 Uze wenze amagwegwe obhedu abe mashumi mahlanu, uwafake amagwegwe awo emasangweni, uyihlanganise intente ibe nye.

26:12 Ke ukwanekwa kwendawo egqithiseleyo emalengalengeni entente, sothi isiqingatha selengalenga eligqithiseleyo sanekwe kwelasemva icala lomnquba;

26:13 ithi ikubhite ngapha nekubhite ngapho, endaweni egqithiseleyo ebudeni bamalengalenga entente, yanekwe emacaleni omnquba ngapha nangapho, iwugubungele.

26:14 Intente uze uyenzele isigubungelo ngezintsu zeenkunzi zezimvu, ezenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.

26:15 Umnquba uze uwenzele iiplanga ngomngampunzi, zime.

26:16 Ubude beplanga boba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye bube yikubhite enesiqingatha.

26:17 Iplanga inye yoba neempondlo ezimbini, zihlangene olunye nolunye; wenjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.

26:18 Umnquba uze uwenzele iiplanga, zibe mashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi;

26:19 wenze iziseko zesilivere, zibe mashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini: zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini; zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini.

26:20 Ezecala lesibini lomnquba ngelasentla icala zoba mashumi mabini iiplanga;

26:21 neziseko zazo zesilivere zibe mashumi mane; iziseko zibe zibini phantsi kweplanga inye; zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.

26:22 Ezomva womnquba ngasentshonalanga wozenza zibe ntandathu iiplanga.

26:23 Iiplanga ezimbini uze uzenze iimbombo zomnquba emaphundwini omabini;

26:24 zibe ngamawele, zithabathele ezantsi ukuhlangana; zibe nto-nye kude kuse entloko, ziye khonkcweni linye. Koba njalo kuwo omabini, abe ngaweembombo zombini.

26:25 Zoba ziiplanga ezisibhozo neziseko zazo zesilivere, zibe ziziseko ezilishumi elinazithandathu: zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye, zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.

26:26 Maze wenze imivalo ngomngampunzi: ibe mihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,

26:27 ibe mihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba, ibe mihlanu imivalo eziplangeni zecala lomnquba, emaphundwini ngasentshonalanga.

26:28 Umvalo othi gabhu phakathi eziplangeni ezo mawuvale, usuka ekupheleni uye ekupheleni.

26:29 Uze uzaleke iiplanga ngegolide; amakhonkco azo uwenze ngegolide, abe ziindawo zemivalo; ke imivalo uyaleke ngegolide.

26:30 Uwumise umnquba ngokwesiko lawo olibonileyo entabeni.

26:31 Uze wenze umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo: wowenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.

26:32 Uze uwuxhome ezintsikeni ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, emagwegweni azo egolide, zime phezu kweziseko zozine zesilivere;

26:33 wowuxhoma umkhusane emakhonkcweni, ityeya yesingqino uyingenise khona, ngaphaya komkhusane, ukuze umkhusane unahlulele ingcwele kwingcwele kangcwele.

26:34 Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya yesingqino, kwingcwele kangcwele;

26:35 uyimise itafile nganeno komkhusane, usimise nesiphatho sesibane malunga netafile, ngecala lomnquba langasezantsi; ke itafile uyibeke ngecala langasentla.

26:36 Umnyango wentente uze uwenzele isisitheliso, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki.

26:37 Isisitheliso eso uze usenzele iintsika zibe ntlanu ngomngampunzi, uzaleke ngegolide; amagwegwe azo abe ngawegolide; uzityhidele iziseko zobhedu zibe zihlanu.

27:1 Uze usenze isibingelelo ngomngampunzi. Ubude baso boba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso bube ziikubhite ezintlanu, sibe mbombo ne isibingelelo; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezintathu.

27:2 Uze wenze iimpondo zaso ezimbombeni zaso zone, zivele kuso iimpondo zaso; usaleke ngobhedu.

27:3 Uze wenze neenkamba zaso zokuwola uthuthu lwaso, nemihlakulwana yaso, nezitya zaso zokutshiza, neefolokhwe zaso, neengcedevu zaso zamalahle; zonke iimpahla zaso uzenze ngobhedu.

27:4 Wosenzela uthango, umsebenzi ongumnatha ngobhedu; wenze emnatheni lowo amakhonkco abe mane ngobhedu eziphelweni zalo zozine;

27:5 ulubeke phantsi kongqameko olujikeleze isibingelelo, luthabathele ezantsi, lungumnatha, luthi gabhu phakathi esibingelelweni.

27:6 Uze usenzele izibonda isibingelelo, izibonda zomngampunzi, uzaleke ngobhedu;

27:7 zifakwe izibonda zaso emakhonkcweni, zibe semacaleni omabini esibingelelo izibonda ezo ekuthwalweni kwaso.

27:8 Wosenza ngeeplanga, sibe holoholo. Njengoko waboniswa ngako entabeni, mabenjenjalo.

27:9 Uze uyenze intendelezo yomnquba kwelasezantsi icala ngasezantsi, ibe ngamawunduwundu entendelezo elinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude becala lilinye boba ziikubhite ezilikhulu;

27:10 iintsika zayo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zibe zezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.

27:11 Kananjalo ngecala lasentla, ebudeni makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zaso ezimashumi mabini, izezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.

27:12 Ububanzi bentendelezo ngecala lasentshonalanga boba ngamawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu. Iintsika zawo zoba lishumi, neziseko zazo zibe lishumi.

27:13 Ububanzi bentendelezo ngecala lempumalanga ngasempumalanga boba ziikubhite ezimashumi mahlanu.

27:14 Amawunduwundu ngelinye icala lesango oba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu;

27:15 amawunduwundu ngelinye icala lesango abe ziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu.

27:16 Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba ne, neziseko zaso zibe zine.

27:17 Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba neminqiwu yesilivere; amagwegwe ayo abe ngawesilivere, neziseko zazo zibe zezobhedu.

27:18 Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu; ububanzi buhambe buba ngamashumi omahlanu, amashumi omahlanu; ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu zelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; iziseko zazo zibe zezobhedu.

27:19 Zonke iimpahla zomnquba, ekusetyenzweni kwawo konke, nezikhonkwane zawo zonke, nezikhonkwane zonke zentendelezo, zoba zezobhedu.

27:20 Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke,

27:21 ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.

28:1 Wena ke sondeza kuwe uAron umkhuluwa wakho, enoonyana bakhe, umthabathe phakathi koonyana bakaSirayeli abe ngumbingeleli kum: uAron, noNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare, oonyana baka-Aron;

28:2 uAron, umkhuluwa wakho, umenzele izambatho ezingcwele, zibe zezozuko nezokuhomba.

28:3 Uze uthethe wena kubo bonke abantliziyo zilumkileyo, endibazalise ngomoya wobulumko, bazenze izambatho zika-Aron zokumngcwalisa, abe ngumbingeleli kum.

28:4 Zizo ke ezi izambatho abaya kuzenza: ubengo, ne-efodi, nengubo yokwaleka, nengubo yangaphantsi elukwe ngokwesindlwane, nonkontsho, nombhinqo; bamenzele ke izambatho ezingcwele uAron, umkhuluwa wakho, noonyana bakhe, abe ngumbingeleli kum.

28:5 Bothabatha bona igolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.

28:6 Maze bayenze iefodi ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka.

28:7 Yoba neziziba ezibini zamagxa, zokuyixakatha emiphethweni yayo yomibini, ixakathwe ke.

28:8 Nombhinqo ophezu kwayo, wokuyinxiba iefodi, mawube njengokusetyenzwa kwayo, uphume kuyo, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.

28:9 Uze uthabathe amatye ebherilo abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli;

28:10 amagama amathandathu abo oba kwelinye ilitye, namagama amathandathu amanye abe kwelesibini ilitye, ngokweenzala zabo.

28:11 Wowakrola amatye omabini, ngokomsebenzi womkroli wamatye, ngokrolo lomsesane wokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, uwabhijele ngomluko wegolide.

28:12 Uze uwabeke amatye omabini ezizibeni zamagxa ze-efodi, abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli; awathwale uAron amagama abo phambi koYehova ezizibeni zamagxa akhe omabini, abe sisikhumbuzo.

28:13 Uze wenze nemiluko yegolide;

28:14 neentsontelo ezimbini zegolide ecocekileyo, uzenze zithi shinyi, zibe ngumsebenzi osontiweyo, uzifake iintsontelo ezo zisontiweyo emilukweni yegolide.

28:15 Uze ulwenze ubengo lwesigwebo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka, ulwenze njengokwenziwa kwe-efodi, ulwenze ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.

28:16 Loba mbombo-ne, luphindwe: ubude balo bube kukolulwa kweminwe, ububanzi balo bube kukolulwa kweminwe.

28:17 Uze ufake kulo imifakwa yamatye, imikrozo emine yamatye; ibe lukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lukrozo lokuqala ke olo;

28:18 ukrozo lwesibini lube yirubhi, nesafire, nekalikedo;

28:19 ukrozo lwesithathu lube yihakinto, neagati, neametiste;

28:20 ukrozo lwesine lube yikrizolite, nebherilo, neyaspisi; ibe ngumluko wegolide ekufakweni kwawo;

28:21 amatye lawo abe umgokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinamabini ngokwamagama abo; abe nokrolo lomsesane wokutywina, lithi elo libe negama lalo ngokwamagama ezizwe ezilishumi elinazibini.

28:22 Uze wenze elubengweni iintsontelo ezithe shinyi, umsebenzi ke lowo osontiweyo ngegolide ecocekileyo;

28:23 wenze elubengweni amakhonkco abe mabini ngegolide, uwafake loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo;

28:24 uzifake iintsontelo zombini zegolide esontiweyo, emakhonkcweni amabini asemancamini obengo;

28:25 namancam omabini eentsontelo zombini uwafake emilukweni yomibini, uwafake ezizibeni zamagxa e-efodi, phambili kuyo.

28:26 Uze wenze amakhonkco amabini ngegolide, uwafake emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi;

28:27 wenze amanye amakhonkco amabini ngegolide, uwafake ezizibeni zozibini zamagxa e-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi;

28:28 ulunxibelele ubengo ngamakhonkco alo emakhonkcweni e-efodi ngentsontelo yemisonto emsi, lube sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi.

28:29 Wowathwala uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe, ekungeneni kwakhe engcweleni, luhlale lusisikhumbuzo phambi koYehova.

28:30 Uze ufake elubengweni lwesigwebo iiUrim neeTumim, zibe phezu kwentliziyo ka-Aron ekungeneni kwakhe phambi koYehova, ahlale ethwele uAron isigwebo soonyana bakaSirayeli phezu kwentliziyo yakhe phambi koYehova.

28:31 Ingubo yokwaleka ye-efodi maze uyenze yonke ngemisonto emsi.

28:32 Umqala wamantla ayo woba sesazulwini sayo, umqala ube nomphetho owujikelezileyo, ongumsebenzi womluki, ube njengomqala wesigcina-sifuba kuyo, ukuze ingakrazuki.

28:33 Uze wenze emqukumbelweni wayo ngasezantsi iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, zizunguleze emqukumbelweni wayo; namankenteza egolide phakathi kwazo, azunguleze.

28:34 Kobakho inkenteza legolide nerharnate, inkenteza legolide nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kuzunguleze;

28:35 ayinxibe uAron, ukuba alungiselele; sivakale isandi sayo ekungeneni kwakhe engcweleni phambi koYehova, nasekuphumeni kwakhe, ukuze angafi.

28:36 Uze wenze imbasa ngegolide ecocekileyo, ukrole kuyo ngokrolo lomsesane wokutywina, uthi, ingcwele kuYehova;

28:37 uyifake umtya wemisonto emsi, inxitywe elunkontshweni. Yoba ngaphambili elunkontshweni,

28:38 ibe sebunzi kuAron, ukuze abuthwale uAron ubungwenxa bezinto ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli eminikelweni yabo yonke engcwele; ihlale isebunzi kuye, ukuze zibakholekise zona phambi koYehova.

28:39 Uze uyiluke ingubo yangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, unkontsho ulwenze ngelinen ecikizekileyo, uwenze nombhinqo ngokomsebenzi oyimfakamfele womluki.

28:40 Wobenzela oonyana baka-Aron iingubo zangaphantsi, ubenzele umbhinqo; ubenzele neminqwazi, ibe yeyozuko neyokuhomba;

28:41 uzinxibe kuAron umkhuluwa wakho, nakoonyana bakhe benaye, ubathambise, ubamisele, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.

28:42 Wobenzela iibhulukhwe zelinen emhlophe zokufihla ubuze babo, zithabathele esinqeni zise emathangeni;

28:43 bazinxibe uAron noonyana bakhe ekungeneni kwabo emnqubeni wokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela engcweleni, bangathwali ubugwenxa bafe: ibe ngummiselo ongunaphakade kuye, nakwimbewu yakhe emva kwakhe.

29:1 Yiyo le into owoyenza kubo yokubangcwalisa, ukuba babe ngababingeleli kum: Thabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo, neenkunzi zezimvu ezigqibeleleyo zibe mbini;

29:2 nesonka esingenagwele, nemiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba, ezingenagwele, zithanjiswe ngeoli: uzenze ngomgubo ocoliweyo.

29:3 Wozibeka ngobozini-nye, uzisondeze ngengobozi leyo, kwanenkunzi entsha yenkomo, neenkunzi zezimvu zombini.

29:4 UAron noonyana bakhe uze ubasondeze emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;

29:5 uzithabathe izambatho, umnxibe uAron ingubo engaphantsi, nengubo yokwaleka ye-efodi, ne-efodi, nobengo, umbhinqise ngombhinqo we-efodi;

29:6 umbeke unkontsho entlokweni yakhe, ubeke isithsaba esingcwele elunkontshweni olo.

29:7 Uze uthabathe ioli yentambiso, uyithululele entlokweni yakhe, umthambise.

29:8 Oonyana bakhe ke wobasondeza, ubanxibe iingubo zangaphantsi;

29:9 ubabhinqise umbhinqo, uAron noonyana bakhe, ubanxibe iminqwazi, bube bobabo ububingeleli, bube ngummiselo ongunaphakade; ubamisele uAron noonyana bakhe.

29:10 Uze uyisondeze inkunzi entsha phambi kwentente yokuhlangana, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi entsha.

29:11 Woyixhela inkunzi entsha phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana,

29:12 ucaphule egazini lenkunzi entsha, uliqabe ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakho; lonke igazi uliphalazele esisekweni sesibingelelo;

29:13 uthabathe wonke umhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, uqhumisele ngazo esibingelelweni.

29:14 Yona inyama yenkunzi entsha, nesikhumba sayo, nomswane wayo, wozitshisa ezo zinto ngomlilo, ngaphandle kweminquba yenu. Lidini lesono elo.

29:15 Woyithabatha enye inkunzi yemvu leyo, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo.

29:16 Uze uyixhele inkunzi yemvu, ulithabathe igazi layo, ulitshize esibingelelweni, ujikelezise.

29:17 Woyityatya inkunzi yemvu, uzihlambe izibilini zayo neentungo zayo, uzibeke phezu kweenyama zayo, naphezu kwentloko yayo;

29:18 uqhumisele ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Elo lidini elinyukayo kuYehova, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni kuYehova.

29:19 Uze uyithabathe eyesibini inkunzi yemvu, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo.

29:20 Woyixhela inkunzi yemvu, ucaphule egazini layo, uliqabe esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithinzini sendlebe yasekunene yoonyana bakhe, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene, ulitshize igazi esibingelelweni, ujikelezise;

29:21 ucaphule egazini eliphezu kwesibingelelo, naseolini yentambiso, ulifefe kuAron, nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe ndawonye naye, bangcwaliswe ke, yena nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe ndawonye naye.

29:22 Uze uthabathe enkunzini yemvu amanqatha, nomsila, nomhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene; kuba yinkunzi yemvu yokumisela;

29:23 nentendana yesonka, nomqhathane ogalelwe ioli ube mnye, nesonkana esisicaba sibe sinye, engobozini yezonka ezingenagwele eziphambi koYehova.

29:24 Wozibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, uzitshangatshangise, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova;

29:25 uzithabathe ezandleni zabo, uqhumisele ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo, zibe livumba elithozamisayo phambi koYehova. Oko kukudla kwasemlilweni kuYehova.

29:26 Uze uthabathe incum yenkunzi yemvu yokumisela uAron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, sibe sisabelo sakho eso.

29:27 Woyingcwalisa incum yomtshangatshangiso otshangatshangisiweyo, nomlenze womrhumo orhunyiweyo, enkunzini yemvu yokumisela uAron noonyana bakhe;

29:28 ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Woba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.

29:29 Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo.

29:30 Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungeneni kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.

29:31 Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;

29:32 bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.

29:33 Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.

29:34 Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingadliwa, kuba ingcwele.

29:35 Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.

29:36 Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.

29:37 Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.

29:38 Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.

29:39 Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.

29:40 Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesine sehin, ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesine sehin yewayini.

29:41 Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.

29:42 Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.

29:43 Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;

29:44 ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.

29:45 Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;

29:46 bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.

30:1 Uze wenze isibingelelo sokuqhumisela ngesiqhumiso, usenze ngomngampunzi.

30:2 Ubude baso boba yikubhite, ububanzi baso bube yikubhite, sibe mbombo-ne; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini, ziphume kuso iimpondo zaso.

30:3 Umphezulu waso wowaleka ngegolide ecocekileyo, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso; usithi jize ngesithsaba segolide.

30:4 Uze usenzele amakhonkco abe mabini ngegolide phantsi kwesithsaba saso, ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, abe ziindawo zezibonda, sithwalwe ngazo;

30:5 uzenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide.

30:6 Uze usibeke nganeno komkhusane ongasetyeyeni yesingqino, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, apho ndiya kuhlangana nawe khona.

30:7 Woqhumisela kuso uAron ngesiqhumiso esimnandi, imiso ngemiso. Woqhumisela ngaso ekulungiseni kwakhe izibane;

30:8 ekuzimiseni uAron izibane, lakutshona ilanga, ahlale eqhumisela ngesiqhumiso phambi koYehova, kwizizukulwana zenu.

30:9 Kuso nize ninganyusi siqhumiso esingesesikweni, nadini linyukayo, namnikelo wakudla; namnikelo uthululwayo ningawuthululeli kuso.

30:10 UAron makacamagushele iimpondo zaso kube kanye ngomnyaka; ngegazi ledini lesono lokucamagusha, kube kanye ngomnyaka; asicamagushele kuse kwizizukulwana zenu: siyingcwele kangcwele kuYehova.

30:11 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

30:12 Xa ulithabathayo inani loonyana bakaSirayeli, ngokubalelwa kwabo encwadini yomlibo wokuzalwa, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho sibetho kubo ekubabaleni.

30:13 Nantsi loo nto: bonke abagqithela kwababaliweyo mabanike isiqingatha seshekele ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera ezimashumi mabini); isiqingatha seshekele leyo yoba ngumrhumo kuYehova.

30:14 Bonke abagqithela kwababaliweyo, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, benyusa, mabamnike uYehova umrhumo.

30:15 Isityebi asiyi kugqithisa, nosweleyo akayi kubetha nganeno kwesiqingatha seshekele, ukumnika umrhumo uYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.

30:16 Uze uyithabathe imali yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana; ukuze ibe sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, phambi koYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.

30:17 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

30:18 Yenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, kuhlanjelwe kulo; ulubeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo;

30:19 bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo.

30:20 Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova;

30:21 bohlamba ke izandla zabo neenyawo zabo, ukuze bangafi; ibe ngummiselo ongunaphakade kubo, kuye lo, nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.

30:22 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

30:23 Thabathela kuwe ubulawu bohlobo: imore, ezivuzelayo ngokwayo, engamakhulu amahlanu eeshekele; isinamon enobulawu ibe sisiqingatha soko, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu; nekalamo evumba limnandi, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu;

30:24 nekasiya, amakhula abe mahlanu ngokweshekele yengcwele; neoli yeminquma ibe yihin;

30:25 uyenze ibe yioli engcwele yokuthambisa, isiqholo sokuqhola, umsebenzi womqholi, ibe yioli engcwele yokuthambisa.

30:26 Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana, netyeya yesingqino,

30:27 netafile nempahla yayo yonke, nesiphatho sezibane nempahla yaso, nesibingelelo sokuqhumisela,

30:28 nesibingelelo sedini elinyukayo neempahla zaso zonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

30:29 uzingcwalise zibe yingcwele kangcwele. Zonke izinto ezizichukumisayo zoba ngcwele.

30:30 UAron noonyana bakhe uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.

30:31 Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu.

30:32 Ize ingagalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni.

30:33 Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

30:34 Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis, neonike, negalebhana; ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;

30:35 wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.

30:36 Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni.

30:37 Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova.

30:38 Umntu osukuba enze esinjengaso, ukuba asijoje, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

31:1 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

31:2 Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;

31:3 ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;

31:4 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,

31:5 nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.

31:6 Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:

31:7 intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,

31:8 netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,

31:9 nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

31:10 nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;

31:11 neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako.

31:12 Wathetha uYehova kuMoses esithi,

31:13 Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;

31:14 niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.

31:15 Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.

31:16 Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.

31:17 Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.

31:18 Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.

32:1 Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni; bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.

32:2 Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.

32:3 Bawaqhawula ke abantu bonke amajikazi egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron.

32:4 Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!

32:5 Wabona uAron, wakha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso.

32:6 Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.

32:7 Wathi uYehova kuMoses, Hamba uhle; kuba abantu bakho, owabanyusayo ezweni laseYiputa, bonakalisile;

32:8 batyeke msinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzele ithole elityhidiweyo, balinqula, babingelela kulo, bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa.

32:9 Wathi uYehova kuMoses, Ndibakhangele aba bantu; uyabona, ngabantu abantamo ilukhuni.

32:10 Kaloku ndiyeke, uvuthe umsindo wam kubo, ndibadle, ndenze wena uhlanga olukhulu.

32:11 UMoses wambongoza uYehova uThixo wakhe, wathi, Yini na, Yehova, ukuba uvuthe umsindo wakho kubantu bakho, obakhuphileyo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi?

32:12 Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Wabakhuphela ububi, ukuze ababulalele ezintabeni, abagqibele bemke emhlabeni? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzohlwaye ngobubi obo ngenxa yabantu bakho.

32:13 Khumbula uAbraham noIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, neli lizwe lonke ndithethileyo ngalo, ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa ngonaphakade.

32:14 Wazohlwaya ke uYehova ngobubi abethe uya kubenza ebantwini bakhe.

32:15 Wajika uMoses, wehla entabeni, enamacwecwe omabini esingqino esandleni sakhe, amacwecwe lawo ebhalwe ngamacala omabini, ebhalwe ngapha nangapha.

32:16 Amacwecwe lawo ebengumsebenzi kaThixo, nombhalo lowo ubungumbhalo kaThixo ukroliwe emacwecweni.

32:17 Waliva uYoshuwa izwi labantu ekudumeni kwabo, wathi kuMoses, Lilizwi lemfazwe eminqubeni.

32:18 Wathi yena, Asilizwi lakuduma kwabeyisayo, asilizwi lakukhala kwabeyiswayo; lilizwi labahlabelayo nabavumayo, endilivayo mna.

32:19 Kwathi, xa asondelayo eminqubeni, walibona ithole nomdudo. Wavutha umsindo kaMoses, wawalahla amacwecwe, wawaqhekeza emazantsi entaba.

32:20 Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.

32:21 Wathi uMoses kuAron, Benze ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?

32:22 Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.

32:23 Bathi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.

32:24 Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.

32:25 Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwabo bachasene nabo);

32:26 wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.

32:27 Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangeni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.

32:28 Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.

32:29 Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.

32:30 Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingacamagusha ngenxa yesono senu.

32:31 UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.

32:32 Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.

32:33 Wathi uYehova kuMoses, Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.

32:34 Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo.

32:35 Ke uYehova wababulala abantu ngenxa yokuba belenzile ithole elo walenzayo uAron.

33:1 Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.

33:2 Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;

33:3 niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.

33:4 Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.

33:5 Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingathi, ndinyuke phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.

33:6 Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.

33:7 Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.

33:8 Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.

33:9 Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.

33:10 Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.

33:11 UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.

33:12 Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo uya kundithuma naye; kanti ke uthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.

33:13 Ngoko ukuba undibabale, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.

33:14 Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.

33:15 Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.

33:16 Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi, sibaluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?

33:17 Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabale, ndikwazile ngegama.

33:18 Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.

33:19 Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.

33:20 Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.

33:21 Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa;

33:22 kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubeke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule;

33:23 ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.

34:1 Wathi uYehova kuMoses, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala owawaqhekezayo;

34:2 ulunge kusasa, unyuke kusasa, uye entabeni yaseSinayi, ume ngakum khona encotsheni yentaba.

34:3 Kuze kunganyuki mntu nawe, kuze kungabonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungadli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.

34:4 Wawaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala. Wavuka uMoses kusasa, wenyuka waya entabeni yaseSinayi, njengoko uYehova wamwisela umthetho ngako, waphatha esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini.

34:5 Wehla uYehova esefini, wema khona naye, wavakalisa igama likaYehova.

34:6 UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso;

34:7 olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana!

34:8 Wakhawuleza uMoses, wathoba emhlabeni, waqubuda kuye.

34:9 Wathi, Ukuba undibabale, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.

34:10 Wathi, Yabona, ndenza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova; ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.

34:11 Kugcine oko ndikuwisela umthetho ngako namhla. Yabona, ndigxotha ebusweni bakho ama-Amori, namaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

34:12 Zigcine, hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe ungena kulo; hleze babe ngumgibe phakathi kwakho.

34:13 Nozidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera babo.

34:14 Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;

34:15 hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;

34:16 uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zibenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.

34:17 Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.

34:18 Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.

34:19 Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;

34:20 ke lona izibulo le-esile wolikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.

34:21 Wosebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.

34:22 Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.

34:23 Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.

34:24 Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.

34:25 Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika uze ungahlali kude kuse.

34:26 Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.

34:27 Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenze ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.

34:28 Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.

34:29 Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni, akazi uMoses, ukuba ulusu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.

34:30 UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulusu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.

34:31 Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.

34:32 Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi.

34:33 Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.

34:34 Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako.

34:35 Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.

35:1 Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.

35:2 Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke abenza umsebenzi ngayo bobulawa.

35:3 Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.

35:4 Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:

35:5 uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;

35:6 nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;

35:7 nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;

35:8 neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;

35:9 namatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni.

35:10 Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo:

35:11 umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;

35:12 ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa;

35:13 itafile nezibonda zayo, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;

35:14 isiphatho sezibane zokukhanyisa, nempahla yaso, nezibane zaso, neoli yokukhanyisa;

35:15 isibingelelo sokuqhumisela nezibonda zaso, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso somnyango emnyango womnquba;

35:16 isibingelelo sedini elinyukayo, nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso, neempahla zaso zonke; nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;

35:17 amawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso somnyango wentendelezo;

35:18 izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo;

35:19 izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.

35:20 Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambi koMoses.

35:21 Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.

35:22 Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.

35:23 Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezintsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa.

35:24 Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke abafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.

35:25 Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.

35:26 Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.

35:27 Izikhulu zazisa amatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni, nobulawu,

35:28 neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.

35:29 Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubayo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.

35:30 Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbize ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda.

35:31 Umzalisile ngoMoya kaThixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke,

35:32 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu;

35:33 nangokukrola amatye, awafake; nangokukrola imithi, asebenze imisebenzi yonke ngentelekelelo.

35:34 Ubeke entliziyweni yakhe ukuyala, yena ke kwanoAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan.

35:35 Ubazalise ngobulumko bentliziyo, ukuba benze umsebenzi wonke wokukrola, nowokuluka, ukuluka imfakamfele, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, neyomluki, babe ngabenzi bomsebenzi wonke, nabathelekeleli bokuyila.

36:1 Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.

36:2 UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.

36:3 Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

36:4 Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;

36:5 zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.

36:6 Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.

36:7 Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukubabayenze, yada yasala.

36:8 Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.

36:9 Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine, amalengalenga alingana onke.

36:10 Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.

36:11 Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.

36:12 Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.

36:13 Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.

36:14 Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye.

36:15 Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana.

36:16 Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa.

36:17 Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye.

36:18 Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye.

36:19 Bayenzela intente isigubungelo ngezintsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.

36:20 Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema.

36:21 Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha.

36:22 Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.

36:23 Bazenza ke iiplanga zomnquba; zamashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi.

36:24 Benza iziseko zesilivere zamashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye.

36:25 Ezecala lesibini lomnquba, ngelasentla icala, benza iiplanga ezimashumi mabini,

36:26 neziseko zazo zesilivere zamashumi mane: iziseko zazibini phantsi kweplanga inye, zazibini iziseko phantsi kweplanga inye.

36:27 Ezomva womnquba ngasentshonalanga bazenza zantandathu iiplanga.

36:28 Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini,

36:29 zangamawele, zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini.

36:30 Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye.

36:31 Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,

36:32 yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga.

36:33 Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni.

36:34 Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaleka ngegolide.

36:35 Benza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; bawenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.

36:36 Bawenzela iintsika ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, namagwegwe azo egolide; bazityhidela iziseko zozine zesilivere.

36:37 Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki;

36:38 neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu.

37:1 UBhetsaleli wayenza ityeya ngomngampunzi. Ubude bayo baba ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kwayikubhite enesiqingatha.

37:2 Wayaleka ngegolide ecocekileyo ngaphakathi nangaphandle, wayithi jize ngesithsaba segolide.

37:3 Wayityhidela amakhonkco egolide amane, emilenzeni yayo yomine: amakhonkco amabini ngeli icala, amakhonco amabini ngeliya icala.

37:4 Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide;

37:5 wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ukuba ithwalwe ngazo.

37:6 Wenza isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha.

37:7 Wenza iikerubhi zambini ngegolide, ukuzenza wazikhanda; zavela eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha:

37:8 enye ikerubhi ivele esiphelweni esi, enye ikerubhi ivele esiphelweni esiya. Wazenza iikerubhi esihlalweni sokucamagusha, zavela eziphelweni zaso zozibini.

37:9 Iikerubhi zolula amaphiko phezulu, zasisithelisa ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha; ubuso bazo bakhangelana, babheka esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi.

37:10 Wenza netafile ngomngampunzi; ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha.

37:11 Wayaleka ngegolide ecocekileyo, wayithi jize ngesithsaba segolide.

37:12 Wayenzela ngeenxa zonke udini olungangobubanzi besandla, udini lwayo waluthi jize ngesithsaba segolide.

37:13 Wayityhidela amakhonkco egolide amane, wawafaka amakhonkco ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.

37:14 Aba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, aba ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile.

37:15 Wenza izibonda ezo ngomngampunzi, wazaleka ngegolide, ukuba ithwalwe ngazo itafile.

37:16 Wenza impahla ephezu kwetafile, izikotile zayo, nemicephe yayo, neenkamba zayo, neendebe zayo ekwakuthululwa ngazo, wazenza ngegolide ecocekileyo.

37:17 Wenza nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza wasikhanda isiphatho eso, nesikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso, zivele kwakuso.

37:18 Amasebe amathandathu avela emacaleni aso: amasebe amathathu esiphatho avela kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avela kweliya icala laso.

37:19 Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.

37:20 Zaba ne iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso.

37:21 Yaba liqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, angawamasebe amathandathu avela kuso.

37:22 Amaqhina awo namalungu awo avela kuso sonke, saba ngumkhando wamnye wegolide ecocekileyo.

37:23 Wenza izibane zaso zasixhenxe, nezifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.

37:24 Wasenza ngetalente yegolide ecocekileyo, neempahla zaso zonke.

37:25 Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso.

37:26 Wasaleka ngegolide ecocekileyo umphezulu waso, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso, wasithi jize ngesithsaba segolide.

37:27 Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide, phantsi kwesithsaba saso ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, aziindawo zezibonda ukuba sithwalwe ngazo.

37:28 Wazenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide.

37:29 Wenza neoli engcwele yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi esingangxengelelweyo, umsebenzi womqholi ke lowo.

38:1 Wasenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi: ubude baso baba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso baba ziikubhite ezintlanu, sambombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezintathu.

38:2 Wenza iimpondo zaso ezimbombeni zaso, zaphuma kuso iimpondo zaso, wasaleka ngobhedu.

38:3 Wazenza zonke iimpahla zesibingelelo eso: iinkamba, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neefolokhwe, neengcedevu; zonke iimpahla zaso wazenza ngobhedu.

38:4 Isibingelelo wasenzela uthango, umsebenzi ongumnatha, ngobhedu, phantsi kongqameko olujikelezileyo, lwathabathela ezantsi, lwathi gabhu phakathi.

38:5 Wawatyhida amakhonkco amane eziphelweni zozine zothango lobhedu, aba ziindawo zezibonda.

38:6 Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.

38:7 Wazifaka izibonda emakhonkcweni, emacaleni esibingelelo, ukuba sithwalwe ngazo; wasenza ngeeplanga saholoholo.

38:8 Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.

38:9 Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.

38:10 Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.

38:11 Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.

38:12 Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.

38:13 Ngecala lempumalanga ngasempumalanga aziikubhite ezimashumi mahlanu.

38:14 Amawunduwundu asingisa kwelinye icala lesango aziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.

38:15 Ngelinye icala lesango lentendelezo, ngapha nangapha, aba ngamawunduwundu eekubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.

38:16 Onke amawunduwundu entendelezo ajikelezileyo aba ngawelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.

38:17 Iziseko zeentsika zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo kwayisilivere; iminqiwu yeentsika zonke zentendelezo yayeyesilivere.

38:18 Isitheliso sesango lentendelezo sasingumsebenzi oyimfakamfele womluki, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude baba ziikubhite ezimashumi mabini, ukuphakama ebubanzini kwaba ziikubhite ezintlanu; kwalungelelana namawunduwundu entendelezo.

38:19 Iintsika zawo zone neziseko zazo zozine zaba zezobhedu; amagwegwe azo aba ngawesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo neminqiwu yazo kwayisilivere.

38:20 Zonke izikhonkwane zomnquba nezentendelezo ejikelezileyo zazezobhedu.

38:21 Ngawo la amanani ezinto zomnquba, zomnquba wesingqino, abebalwa ngomlomo kaMoses ngenkonzo yabaLevi, ngesandla sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.

38:22 UBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda, wakwenza konke uYehova abemwisele umthetho ngako uMoses.

38:23 Waye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan, engumkroli, ingcibi, umluki weemfakamfele ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.

38:24 Ke yonke igolide ekwakusetyenzwa ngayo umsebenzi emisebenzini yonke yengcwele, igolide yomtshangatshangiso, yaye iziitalente ezimashumi mabini anesithoba, neeshekele ezimakhulu asixhenxe anamanci mathathu, ngokweshekele yengcwele.

38:25 Ke isilivere yabo babalwayo bebandla yaba likhulu leetalente neeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, ngokweshekele yengcwele.

38:26 Yaba yibheka ngentloko yomntu (isiqingatha seshekele leyo, ngokweshekele yengcwele), kubo bonke abagqithelayo kwabo babalwayo; bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, nangaphezulu, kubo abangamawaka angamakhulu omathandathu anamawaka amathathu, anamakhulu amahlanu anamanci mahlanu.

38:27 Ngeetalente zesilivere ezilikhulu kwatyhidwa iziseko zengcwele neziseko zomkhusane; yalikhulu leziseko kwikhulu leetalente, yayitalente kwisiseko.

38:28 Ngeeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, wenza amagwegwe eentsika, wawaleka amantloko azo, wenza iminqiwu.

38:29 Ubhedu olungumtshangatshangiso lwaye luziitalente ezingamashumi osixhenxe, neeshekele ezingamawaka amabini anamakhulu mane.

38:30 Wenza ngalo iziseko zomnyango wentente yokuhlangana, nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, nempahla yonke yesibingelelo;

38:31 neziseko zentendelezo ejikelezileyo, neziseko zesango lentendelezo, nezikhonkwane zonke zomnquba, nezikhonkwane zonke zentendelezo ejikelezileyo.

39:1 Ngemisonto emsi nemfusa nebomvu benza izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; benza nezambatho ezingcwele zika-Aron, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:2 Iefodi wayenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.

39:3 Bayikhanda igolide yaba zizixwexwe ezicekethekileyo, bancwela imityana, ukuze bayixube emisontweni emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.

39:4 Iefodi bayenzela iziziba zamagxa zokuyixakatha, yaxakathwa emiphethweni yomibini;

39:5 nombhinqo ophezu kwayo wokuyinxiba iefodi, ophuma kuyo, wawunjengokusetyenzwa kwayo; bawenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:6 Benza amatye ebherilo, abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;

39:7 wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:8 Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.

39:9 Lwaba mbombo-ne, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe, ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.

39:10 Bafaka kulo imikrozo yamine yamatye; ukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lwaba lukrozo lokuqala olo;

39:11 ukrozo lwesibini lwaba yirubhi, nesafire, nekalikedo;

39:12 ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto, neagati, neametiste;

39:13 ukrozo lwesine lwaba yikrizolite, nebherilo, neyaspisi; abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo.

39:14 Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.

39:15 Benza elubengweni intsontelo ethe shinyi, umsebenzi osontiweyo ngegolide ecocekileyo.

39:16 Benza imiluko yamibini ngegolide, namakhonkco amabini ngegolide, bawafaka loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo.

39:17 Bazifaka iintsontelo zombini zegolide emakhonkcweni omabini asemancamini obengo;

39:18 namancam omabini eentsontelo zombini bawafaka emilukweni yomibini, bayifaka ezizibeni zamagxa ze-efodi, ngaphambili.

39:19 Benza amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi.

39:20 Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.

39:21 Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:22 Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi.

39:23 Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki.

39:24 Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo.

39:25 Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate:

39:26 yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:27 Benza iingubo zangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, umsebenzi womluki, ukuba zibe zezika-Aron noonyana bakhe;

39:28 nonkontsho, ngelinen ecikizekileyo; neminqwazi yokuhomba, ngelinen ecikizekileyo; neebhulukhwe, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, emhlophe;

39:29 nombhinqo, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, umsebenzi oyimfakamfele womluki, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:30 Benza nembasa, isithsaba esingcwele segolide ecocekileyo, babhala phezu kwayo umbhalo ngokrolo lomsesane wokutywina, othi, ingcwele kuYehova.

39:31 Bayifaka umtya wemisonto emsi, yanxitywa elunkontshweni phezulu, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

39:32 Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana. Benza oonyana bakaSirayeli njengako konke uYehova ebemwisele umthetho ngako uMoses, benjenjalo.

39:33 Bawuzisa umnquba kuMoses: intente nempahla yayo yonke, amakhonkco ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;

39:34 nesigubungelo sezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, nomkhusane osithelisayo;

39:35 netyeya yesingqino, nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha;

39:36 netafile, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;

39:37 nesiphatho sezibane esihle, nezibane zaso, izibane ezicwangcisiweyo, nempahla yaso yonke, neoli yokukhanyisa;

39:38 nesibingelelo segolide, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso sokusithelisa umnyango wentente;

39:39 nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, izibonda zaso, nempahla yaso yonke; uhehema lwesitya sokuhlambela noseko lwalo;

39:40 namawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso sesango lentendelezo, nemitya yayo, nezikhonkwane zayo, nempahla yonke yenkonzo yomnquba, yentente yokuhlangana;

39:41 nezambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.

39:42 Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, bawenjalo oonyana bakaSirayeli wonke umsebenzi.

39:43 Wawukhangela uMoses wonke umsebenzi, nango ke bewenzile; njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenjenjalo. Wabasikelela ke uMoses.

40:1 Wathetha uYehova kuMoses wathi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala usuku enyangeni leyo,

40:2 uze uwumise umnquba wentente yokuhlangana; ubeke khona ityeya yesingqino,

40:3 uyisithelise ityeya ngomkhusane;

40:4 ungenise itafile, uzicwangcise izinto zayo ezicwangciswayo; ungenise isiphatho sezibane, uzimise izibane zaso;

40:5 usimise isibingelelo segolide sokuqhumisela phambi kwetyeya yesingqino, usixhome isisitheliso somnyango emnqubeni;

40:6 usimise isibingelelo sedini elinyukayo phambi komnyango womnquba wentente yokuhlangana;

40:7 ulumise uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo.

40:8 Uze uyimise intendelezo ijikeleze, usixhome isisitheliso sesango lentendelezo.

40:9 Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uthambise umnquba neento zonke ezikuwo, uwungcwalise nempahla yawo yonke, ube yingcwele;

40:10 uthambise isibingelelo sedini elinyukayo, nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele;

40:11 uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.

40:12 Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;

40:13 umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum.

40:14 Wosondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi;

40:15 ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.

40:16 Wenza ke uMoses; njengako konke uYehova abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.

40:17 Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.

40:18 Wawumisa ke uMoses umnquba, wazibeka iziseko zawo, wazimisa iiplanga zawo, wayifaka imivalo yawo, wazimisa iintsika zawo.

40:19 Wayaneka intente phezu komnquba, wabeka isigubungelo sentente phezu kwayo phezulu, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

40:20 Wasithabatha isingqino, wasibeka etyeyeni, wazifaka izibonda etyeyeni, wasibeka isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya phezulu.

40:21 Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osithelisayo, wayisithelisa ityeya yesingqino, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.

40:22 Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lomnquba elingasentla, nganeno komkhusane;

40:23 wacwangcisa phezu kwayo ukucwangciswa kwezonka phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

40:24 Wasimisa isiphatho sezibane ententeni yokuhlangana, sakhangelana netafile ngecala lomnquba elingasezantsi;

40:25 wazimisa izibane phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

40:26 Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana, phambi komkhusane.

40:27 Waqhumisela phezu kwaso ngesiqhumiso esimnandi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

40:28 Wasixhoma isisitheliso somnyango emnqubeni.

40:29 Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

40:30 Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo eso, wagalela amanzi okuhlamba kulo.

40:31 Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona.

40:32 Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, bahlamba, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.

40:33 Wayimisa intendelezo ejikeleza umnquba lo nesibingelelo esi, wasixhoma isisitheliso sesango lentendelezo. Wawugqiba ke uMoses umsebenzi.

40:34 Ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.

40:35 UMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.

40:36 Belisithi lakunyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke oonyana bakaSirayeli, benjenjalo ekundulukeni kwabo konke.

40:37 Ke xa ilifu belingekanyuswa, bebenganduluki kude kube yimini yokunyuswa kwalo;

40:38 kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.


Next: Leviticus