Sacred Texts  Bible  World Bible  Index  Previous  Next 

Xhosa Bible: Philippians

1:1 UPawulos noTimoti, abakhonzi bakaYesu Kristu, babhalela bonke abangcwele abakuKristu Yesu, abaseFilipi, ndawonye nabaveleli nabalungiseleli;

1:2 bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo, oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

1:3 Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke

1:4 (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile),

1:5 ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku;

1:6 ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu;

1:7 njengokuba ndilungisa ukucinga oko ngani nonke, ngenxa yokuba nikum entliziyweni, nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke.

1:8 Kuba uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu.

1:9 Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda,

1:10 ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu;

1:11 nizele ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelise ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo.

1:12 Ke kaloku ndinga ningazi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo;

1:13 ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba zikuKristu;

1:14 baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika.

1:15 Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani, abanye ke bamvakalisa ngokokuzithandela.

1:16 Abeyelenqe abo bamazisa uKristu ngokungenyulu, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam;

1:17 ke aba, benziwa luthando, bamazisa wKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo.

1:18 Ibe yini ke? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.

1:19 Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela ekusindisweni kwam, ngako ukundikhungela kwenu, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu;

1:20 kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa.

1:21 Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.

1:22 Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi.

1:23 Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko;

1:24 kodwa ukuhlala ndihleli ndisenyameni, yeyona nto ifunekayo ngenxa yenu.

1:25 Kananjalo, ndikholose ngoko nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndihlale, ndihleli nani nonke, ukuze nihambele phambili, nivuyiswe lukholo;

1:26 ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni.

1:27 Kodwa ke ukuhlala kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze, nokuba ndifikile ndanibona, nokuba andifikanga, ndizive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, ngamphefumlo mnye, nilwela inkolo yeendaba ezilungileyo,

1:28 ningothuswa nantweni-nye ngabo bachasayo; into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo.

1:29 Ngokuba nababalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nababalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe,

1:30 ninawo umzamo onjengalowo nawubonayo kum, nangoku niwuvayo ukuba ukho kum.

2:1 Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya,

2:2 ukuba kukho imfesane neemfefe, luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye;

2:3 ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye.

2:4 Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.

2:5 Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu:

2:6 yena wathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba;

2:7 usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu;

2:8 wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.

2:9 Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama;

2:10 ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba;

2:11 zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.

2:12 Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; ningangi nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, manibe kukhona nenjenjalo Xa ndingekhoyo.

2:13 Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.

2:14 Izinto zonke zenzeni ningenakukrokra, ningenakuthandabuza,

2:15 ukuze nibe ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; nibe ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala esazulwini sesizukulwana esigoso, esigwenxa; enithi phakathi kwabo nibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini, nibambelele elizwini lobomi;

2:16 nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjalo andifumananga ndabulaleka.

2:17 Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke.

2:18 Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam.

2:19 Ke kaloku ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya, ukuze nam ndonwabe, ndakuzazi iindawo ezingani.

2:20 Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani.

2:21 Kuba bonke bafuna ezabo izinto, zingezizo ezikaYesu Kristu.

2:22 Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo.

2:23 Lowo ke ngoko ndithembe ukumthuma kwaoko, xa ndithe ndayiqonda imicimbi engam.

2:24 Ke ndikholose ngeNkosi, ukuba nam ngokwam ndoza kamsinya.

2:25 Kodwa ke ndibe kuyafuneka ukuba ndinithumele uEpafrodito, umzalwana wam osebenza nam, umphumi-mkhosi nam, umthunywa wenu ke, umlungiseleli wam kwiintswelo zam;

2:26 ekubeni ke ebenilangazelela nina nonke, edandatheka, ngenxa enokuba nevayo ukuba wayesifa.

2:27 Kuba okunene wayesifa, ephantse ukufa. Ke uThixo wamenzela inceba; akenzela yena yedwa, wenzela nam lo, ukuze ndingabi buhlungu, ndibuhlungu kade.

2:28 Kukhona ngoko ndimthuma ngokukhawuleza, ukuze nithi nakumbona nibuye nivuye, kuthi nokwam ukuba buhlungu kudambe.

2:29 Mamkeleni ke ngokwaseNkosini, ninovuyo lonke; nibabeke abo banjalo;

2:30 ngokuba, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, ebenza isichenge ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.

3:1 Elokugqiba, bazalwana bam, vuyani niseNkosini. Ukunibhalela kwaezo zinto akunqenekile okunene kum, ke nina kuyaninqabisa.

3:2 Zilumkeleni izinja, balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni aborhunulo.

3:3 Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;

3:4 nakuba mna ndibe ndingakholosayo ngenyama; ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama, bendingaba ngakumbi mna:

3:5 ndalukayo ngomhla wesibhozo, ndingowenzala kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBhenjamin, umHebhere wamaHebhere, ngokomthetho ndingumFarisi,

3:6 ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka.

3:7 Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.

3:8 Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu,

3:9 ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo;

3:10 ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe;

3:11 ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.

3:12 Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakuganga na nokukuganga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu.

3:13 Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigangile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili,

3:14 ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.

3:15 Ngoko masithi, ngangoko singako thina bagqibeleleyo, sicinge oko; kanjalo ukuba nicinga into ngokukumbi, uThixo wonityhilela naleyo.

3:16 Noko ke, apho sifikelele khona, masihambe ngamgca mnye, masicinge nto-nye.

3:17 Yibani ngabaxelisa mna, bazalwana, nixunele kubo abahamba ngokunjalo, njengokuba ninomfuziselo, thina aba ke.

3:18 Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba zomnqamlezo kaKristu;

3:19 abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba.

3:20 Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu;

3:21 eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

4:1 Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda.

4:2 UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini.

4:3 Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi.

4:4 Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.

4:5 Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke. INkosi ikufuphi.

4:6 Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.

4:7 Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.

4:8 Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.

4:9 Kwa-ezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.

4:10 Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba.

4:11 Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.

4:12 Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela.

4:13 Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.

4:14 Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo.

4:15 Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa.

4:16 Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam.

4:17 Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu.

4:18 Ke ndinezinto zonke nje, ndityebile, ndihluthi, ndizamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo.

4:19 Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu.

4:20 Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

4:21 Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam.

4:22 Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare.

4:23 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.


Next: Colossians